KUMAHEBHERE 10
10
1Kuba umthetho, únesithunzi nje sodwa sezinto ezilungileyo eziza kubakho, ungenaso sona isimilo sazo izinto, awuze ube nako, iminyaka ngeminyaka, ngaloo madini bàwasondeza ngokungapheliyo, ukubenza bagqibelele abo basondelayo. 2Okanye angé engayekwanga na ukusondezwa, ngenxa yokuba abo bakhonzayo, behlanjululwe nje kwaba kanye, bengasenasazela sazono? 3Kusuke kuwo apho kubekho ukukhunjuzwa kwezono iminyaka ngeminyaka. 4Kuba akunakwenzeka ukuthi igazi leenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
5Kungoko, akùngena ehlabathini, athi,
Akuthandanga mbingelelo, namnikelo wakudla,
Ke ùndilungisele umzimba;
6Amadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akukholiswanga ngawo.
7Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza
(Encwadini esongwayo kubhalwe ngam),
Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.
(INdum. 40:6-8)
8Esithi nje ngentla, Imibingelelo, neminikelo yokudla, namadini atshiswayo kuphele, nangawesono, akuwathandanga, akukholiswanga ngawo (wona lawo asondezwayo ngokomthetho), 9ubuye athi, Yabona, ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo. Ususa okokuqala, ukuze amise okwesibini. 10Esìthe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.
11Wonke ke ongumbingeleli uma okunene imihla ngemihla ebusa, ewasondeza futhi kwawona loo madini, angenako nakanye ukususa isono. 12Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; 13okokugqibela elindé ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe. 14Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswáyo.
15Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi,
16Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo
Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi,
Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo,
Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,
17Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.
(UYer. 31:33,34)
18Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
Isiyalo sokuzingisa elukholweni
19Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha, 20ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe; 21sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo: 22masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe, 23silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga. 24Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; 25singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
26Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; 27sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.
28Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. 29Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo? 30Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo. 31Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.
32Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu; 33enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo. 34Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. 35Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. 36Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.
37Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana,
Athi lowo uzayo afike, angalibali.
38Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni;
Ukuba ke úthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.
(UHabh. 2:3,4)
39Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.
Currently Selected:
KUMAHEBHERE 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: