UISAYA 16
16
1Thumelani iimvana kumlawuli welizwe, zivela eSela, zibheke entlango, ziye entabeni yentombi uZiyon. 2Kuba njengeentaka eziphekuziweyo, njengendlu yentaka esuselweyo, aya kuba njalo amagxamesi akwaMowabhi emazibukweni aseArnon, esithi, 3Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo. 4Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe kuye uMowabhi phambi kombhuqi; ngokuba umkhamangi ugqibele, umbhuqi uphelile, abanyashi batshatyalalisiwe ezweni. 5Kuya kuzinziswa itrone ngenceba, kuhlale phezu kwayo onenyaniso, ententeni kaDavide: umgwebi okhathalele okusesikweni, okhawulezayo ukulungisa.
6Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo! 7Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye. 8Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.
9Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye. 10Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye. 11Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-heres. 12Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigángeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini.
13Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini. 14Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.
Currently Selected:
UISAYA 16: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: