UISAYA 66
66
1Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona? Iyini na le ndawo yokuphumla kwam? 2Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kuló, kolúsizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam. 3Oxhela inkomo unjengesixabela-mntu; obingelela igusha ngumsiki wenja; onyusa umnikelo wokudla ngumnyusi wegazi lehagu; okhumbuza ngoqhumiselo lwentlaka emhlophe ngosikelela into ebubutshinga. Bezinyulele nje iindlela zabo, umphefumlo wabo wawananza amazothe abo: 4nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazìsele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo.
5Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxotháyo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona. 6Phulaphulani isandi esiphuma kuwo umzi; ilizwi eliphuma etempileni; ilizwi likaYehova, ephindezela impatho yeentshaba zakhe. 7Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimba kuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe. 8Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamininye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon. 9Mna ndingàvelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingàthi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.
10Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili; 11ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo. 12Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangéni. 13Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem. 14Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.
15Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo. 16Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova. 17Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova. 18Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo.
Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam; 19ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni. 20Baya kubazìsa bonke abazalwana benu, bevela nabo ezintlangeni zonke, bengumnikelo kuYehova, bekhwele emahasheni, nasezinqwelweni, nasemathaleni, nakoondlebende, nakwiinkamelakazi, benyuke entabeni yam engcwele eYerusalem, utsho uYehova; kwanjengokuba oonyana bakaSirayeli bewuzisa umnikelo wokudla ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova. 21Ndothabatha nakuzo ezo, zibe ngababingeleli nabaLevi; utsho uYehova. 22Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu; 23kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova. 24Baya kuphuma babone izidumbu zamadoda akreqileyo kum; kuba iimpethu zabo aziyi kufa, nomlilo wabo ungàcimi, babe linyumnyezi kuluntu lonke.
Currently Selected:
UISAYA 66: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: