UISAYA 9
9
UMhlanguli kaSirayeli
1Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.• 2Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo. 3Ùyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.
4Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, ùyaphule njengemini yakwaMidiyan. 5Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.
6Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, 7ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
Imigwebo yeNkosi ngoSirayeli
8INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli. 9Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: ábathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo, 10Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.• 11UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe. 12Ama-Aram• ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
13Aba bantu ke àbabuyeli kulowo ubabethileyo; àbamngxamele uYehova wemikhosi. 14Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzí, ngamininye. 15Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo. 16Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo. 17Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
18Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi. 19Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe. 20Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe; 21uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe.
Currently Selected:
UISAYA 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: