UYOBHI 2
2
1Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana• phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova. 2Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
3Wathi uYehova kuSathana, Ùmgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, 4noko undixhokonxele kuyo ukuba ndiyiginyele ilize? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulùsu ngenxa yolùsu; konke anako umntu wókunika ngenxa yomphefumlo wakhe. 5Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho. 6Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wògcina umphefumlo wakhe.
7Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe. 8Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini. 9Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? 10Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?
Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
11Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
12Baphakamisa amehlo abo besekude, àbamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini. 13Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.
Currently Selected:
UYOBHI 2: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: