UYOSHUWA 4
4
Ukumiswa kwamatye esikhumbuzo
1Kwathi ke, xa lwagqibelayo uhlanga lonke ukuyiwela iYordan, wathetha uYehova kuYoshuwa, esithi, 2Zithabatheleni ebantwini amadoda abe lishumi elinamabini, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni; 3niwawisele umthetho, nithi, Thabathani apha phakathi kweYordan, kule ndawo zimi kuyo iinyawo zababingeleli, amatye okumiswa abe lishumi elinamabini, niwele nawo, niwabeke kuloo ndawo yokulalisa, niya kulalisa kuyo ngobu busuku.
4Wawabiza ke uYoshuwa amadoda alishumi elinamabini, abewamisile koonyana bakaSirayeli, indoda yanye, indoda yanye esizweni. 5Wathi uYoshuwa kuwo, Gqithani phambi kwetyeya kaYehova uThixo wenu, niye eYordan phakathi, nithabathe iyileyo indoda ilitye libe linye, ilibeke egxalabeni layo, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli; 6ukuze oku kube ngumqondiso phakathi kwenu, xa bathe banibuza oonyana benu ngexesha elizayo, besithi, Ayintoni na la matye kuni? 7Nòthi kubo, Amanzi eYordan anqamka phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, ekuweleni kwayo eYordan anqamka amanzi eYordan; la matye oba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
8Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, njengoko uYoshuwa wayebawisele umthetho. Bathabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko wathethayo uYehova kuYoshuwa, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawela nawo, baya nawo kuloo ndawo balalisa kuyo, bawabeka khona. 9UYoshuwa wawamisa amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, kuloo ndawo zazimi kuyo iinyawo zababingeleli, abathwele ityeya yomnqophiso; akhona unanamhla.
10Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa. 11Bakhawuleza abantu, bawela. Kwathi, bakugqiba bonke abantu ukuwela, yegqitha ityeya kaYehova nababingeleli phambi kwabantu. 12Bawela oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bexhobile, phambi koonyana bakaSirayeli, njengoko wathethayo uMoses kubo. 13Ngathi babengamashumi amané amawaka axhobele ukuphuma umkhosi, abaweláyo phambi koYehova, besiya emfazweni, ezinkqantosini zaseYeriko. 14Ngaloo mhla uYehova wamenza mkhulu uYoshuwa emehlweni amaSirayeli onke; amoyika njengoko abemoyika uMoses yonke imihla yobomi bakhe.
15Wathi uYehova kuYoshuwa, 16Bawisele umthetho ababingeleli abathwele ityeya yesingqino, ukuba benyuke baphume eYordan. 17UYoshuwa wabawisela ke umthetho ababingeleli, esithi, Nyukani niphume eYordan. 18Kwathi, ekunyukeni kwababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova phakathi kweYordan, ekuncothukeni kweentende zeenyawo zababingeleli zafika kowomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba njengokwangaphambili, ngaphandle kweendonga zayo zonke.
19Abantu benyuka baphuma eYordan ngolweshumi enyangeni yokuqala, bamisa eGiligali, ngecala lasempumalanga eYeriko.
20Ke loo matye alishumi elinamabini, abawathabathayo eYordan, uYoshuwa wawamisa eGiligali. 21Wathi koonyana bakaSirayeli, Xa bathe oonyana benu babuza kooyise ngexesha elizayo, besithi, 22Ayintoni na la matye? nòbazisa oonyana benu, nithi, AmaSirayeli ayiwela le Yordan, ehamba emhlabeni owomileyo; 23kuba oko uYehova uThixo wenu wenza ukuba atshe amanzi aseYordan phambi kwenu, nada nawela; waxelisa oko uYehova uThixo wenu wakwenzayo kuLwandle oluBomvu,• lona wenza ukuba lutshe phambi kwethu, sada sawela; 24ukuze zonke izizwe zehlabathi zisazi isandla sikaYehova ukuba somelele; ukuze nimoyike uYehova uThixo wenu imihla yonke.
Currently Selected:
UYOSHUWA 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: