UMATEYU 17
17
Ukwenziwa kumila kumbi kukaYesu
(UMarko 9:2-13; uLuka 9:28-36)
1Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa. 2Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. 3Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
4Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. 5Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nâlo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
6Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu. 7Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. 8Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, àbabona mntu, yanguYesu yedwa.
9Bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. 10Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? 11Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto. 12Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo. 13Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
Ukuphiliswa konesathuthwane
(UMarko 9:14-29; uLuka 9:37-43)
14Bakubon' ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, 15esithi, Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi. 16Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, àbaba nako ukumphilisa. 17Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. 18Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
19Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina? 20Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningáthi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela. 21Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
UYesu okwesibini uxela kwangaphambili ukufa kwakhe
(UMarko 9:30-32; uLuka 9:43b-45)
22Ke kaloku, bakubon' ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu; 23baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.
UYesu ukhupha irhafu yetempile
24Ke, bakubon' ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile,• bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile? 25Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Ùthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na? 26Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana. 27Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wòthi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.
Currently Selected:
UMATEYU 17: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: