UNEHEMIYA 10
10
Abo bawutywinayo umnqophiso
1Abo ke bawutywinayo: nguNehemiya irhuluneli, unyana kaHakaliya, noZedekiya, 2noSeraya, noAzariya, noYeremiya, 3noPashure, noAmariya, noMalekiya, 4noHatushe, noShebhaniya, noMaluki, 5noHarim, noMeremoti, no-Obhadiya, 6noDaniyeli, noGineton, noBharuki, 7noMeshulam, noAbhiya, noMiyamin, 8noMahazeya, noBhilegayi, noShemaya; abo ngababingeleli.
9AbaLevi: nguYeshuwa unyana ka-Azaniya, noBhinwi koonyana bakaHenadade, noKademiyeli.
10Nabazalwana babo: nguShebhaniya, noHodiya, noKelita, noPelaya, noHanan, 11noMika, noRehobhi, noHashabhiya, 12noZakure, noSherebhiya, noShebhaniya, 13noHodiya, noBhani, noBheninu.
14Iintloko zabantu: nguParoshe, noPahati wakwaMowabhi, noElam, noZatu, noBhani, 15noBhuni, noAzegadi, noBhebhayi, 16noAdoniya, noBhigvayi, noAdin, 17noAtere, noHezekiya, noAzure, 18noHodiya, noHashum, noBhetsayi, 19noHarifi, noAnatoti, noNebhayi, 20noMagepihashe, noMeshulam, noHezire, 21noMeshezabheli, noTsadoki, noYaduwa, 22noPelatiya, noHanan, noAnaya, 23noHosheya, noHananiya, noHashubhi, 24noHaloheshe, noPileha, noShobheki, 25noRehum, noHashabena, noMahaseya, 26noAhiya, noHanan, noAnan, 27noMaluki, noHarim, noBhahana.
28Abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke ababezahlule kwizizwe zamazwe, beza emyalelweni kaThixo; abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, bonke abasebenokwazi nokuqonda. 29Babambelela kubazalwana babo, iingangamsha zabo, bangena esiqalekisweni nasesifungweni sokuhamba ngomyalelo kaThixo, owawiswa ngesandla sikaMoses umkhonzi kaThixo, nokuyigcina nokuyenza yonke imithetho kaYehova iNkosi yethu, namasiko akhe, nemimiselo yakhe: 30singàzendiseli iintombi zethu kwizizwe zeli lizwe, singabazekeli oonyana bethu iintombi zazo; 31sithi izizwe zeli lizwe ezizisa izinto zentengo, nengqolowa, nokuba yiyiphi, ngemini yesabatha, zithengisa, singathengi kuzo ngesabatha nangomhla ongcwele; siwuyeke ulale umnyaka wesixhenxe, nento ebolekiweyo sisandla nokuba sesikabani.
32Sizimisele imithetho yokubeka phezu kwethu isahlulo sesithathu seshekele• ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yendlu kaThixo wethu: 33ngenxa yezonka ezicwangcisiweyo, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, nangenxa yedini elinyukayo lamaxesha onke, nelesabatha, nelokuthwasa kwenyanga, nangenxa yamaxesha amisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yamadini ezono okucamagushela amaSirayeli, nomsebenzi wonke wendlu kaThixo wethu. 34Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni; 35sizíse iintlahlela zomhlaba wethu, neentlahlela zeziqhamo zonke zemithi yonke, iminyaka ngeminyaka, endlwini kaYehova; 36nabamazibulo koonyana bethu nawemfuyo yethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni, namazibulo eenkomo zethu, nawempahla emfutshane, siwazìse endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abalungiselelayo endlwini kaThixo wethu; 37neentlahlela zemigrayo yethu, nemirhumo yethu, neziqhamo zemithi yonke, iwayini entsha, neoli, sizizìse kubabingeleli emagumbini endlu kaThixo wethu; nezishumi zemihlaba yethu kubaLevi; bona abaLevi bazàmkele izishumi emizini yonke esilima kuyo. 38Umbingeleli unyana ka-Aron aze abekho nabaLevi, ekuzamkeleni kwabaLevi izishumi; bazinyuse abaLevi izishumi zezishumi ezo, bazizise endlwini kaThixo wethu, emagumbini endlu yobuncwane; 39ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
Currently Selected:
UNEHEMIYA 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: