INUMERI 12
12
UMiriyam noAron bamonela uMoses
1Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile; ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi. 2Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? 3Weva uYehova. Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni. 4Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
5Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini. 6Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni. 7Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke. 8Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; ásikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?
9Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena. 10Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa. 11Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sóna ngaso. 12Makangàseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe. 13Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise. 14Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe. 15Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam. 16Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan.
Currently Selected:
INUMERI 12: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: