INUMERI 16
16
Imvukelo kaKora noDatan noAbhiram
1Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen, 2bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.
3Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?
4Weva uMoses, wawa ngobuso. 5Wathetha kuKora nakwibandla lakhe lonke, esithi, Ngomso uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye. 6Yenzani oku: zithabatheleni iingcedevu, wena Kora nebandla lakho lonke, 7nibeke umlilo kuzo, nibeke isiqhumiso phezu kwazo phambi koYehova ngomso. Kothi, umntu athe uYehova wamnyula abe ngcwele yena; senanele nina, nyana bakaLevi. 8Wathi uMoses kuKora, Khanive, nina nyana bakaLevi. 9Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaSirayeli anahlule kwibandla lakwaSirayeli, anisondeze kuye, ukuba nisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo, 10ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na? 11Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?
12Wathuma uMoses, wabiza uDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi. Bathi, Asiyi kunyuka size. 13Yinto encinane na le yokuba usinyuse ezweni elibaleka amasi nobusi, uze kusibulala apha entlango, le nto uhlala uzenzé umphathi phezu kwethu? 14Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.
15Wavutha kunene umsindo kaMoses, wathi kuYehova, Musa ukuwubheka umnikelo wabo wokudla. Andithabathanga ne-esile elinye kubo, andiphathanga kakubi namnye wabo. 16Wathi uMoses kuKora, Wena nebandla lakho lonke, ze nibe phambi koYehova, wena nabo noAron, ngomso; 17nithabathe elowo ugcedevu lwakhe, nibeke isiqhumiso phezu kwazo, nisondeze phambi koYehova, elowo abe nogcedevu lwakhe, iingcedevu ezimakhulu mabini anamanci mahlanu; nawe noAron elowo abe nogcedevu lwakhe. 18Bathabatha ke elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kuzo, babeka isiqhumiso phezu kwazo, bema emnyango wentente yokuhlangana noMoses noAron. 19UKora walibizela ndawonye ngabo ibandla lonke emnyango wentente yokuhlangana. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kwibandla lonke.
20Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, Zahluleni kweli bandla; 21ndiya kubagqibela ngephanyazo. 22Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, koné umntu wamnye nje, ùnoburhalarhume kwibandla lonke na? 23Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 24Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.
25Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli. 26Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke. 27Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo. 28Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam. 29Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga. 30Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.
31Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo; 32umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke. 33Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu. 34Onke amaSirayeli abebangqongile abalekiswa sisithonga sesikhalo sabo; ngokuba abesithi, Hleze umhlaba usiginye nathi. 35Kwaphuma umlilo kuYehova, wawadla amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, asondeza isiqhumiso.
36Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 37Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele. 38Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bázisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli. 39Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo. 40Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
41Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova. 42Kwathi ekubizelweni ndawonye kwebandla ngoMoses nangoAron, babheka ententeni yokuhlangana. Nalo ilifu liyisibekele babonakala ubuqaqawuli bukaYehova. 43Beza ooMoses noAron phambi kwentente yokuhlangana.
44Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 45Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo. Bawa ngobuso.
46Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho. 47Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu. 48Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho. 49Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesiné lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafáyo ngendawo yakwaKora. 50Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.
Currently Selected:
INUMERI 16: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: