INUMERI 20
20
Ukufa kukaMiriyam
1Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.
Abantu banikwa amanzi ngommangaliso eMeribha
2Lalingenamanzi ibandla. Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, 3babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova! 4Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu? 5Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
6Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo. 7Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 8Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.
9Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho. 10Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sínikhuphele amanzi kule ngxondorha na? 11Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondorha ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla neenkomo zalo.
12Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona. 13Ngawo lawo amanzi aseMeribha,• ababambana ngawo oonyana bakaSirayeli noYehova, waza wazingcwalisela bona.
14UMoses wasusa izigidimi eKadeshe, zaya kuthi kukumkani wakwaEdom, Utsho umzalwana wakho uSirayeli ukuthi, Wena uyakwazi konke ukuxhamleka esafumanana nako. 15Behla oobawo, baya eYiputa, sahlala eYiputa imihla emininzi. Asiphatha kakubi amaYiputa, thina noobawo bethu; 16sakhala kuYehova, waliva ilizwi lethu; wathuma isithunywa, sasikhupha eYiputa. Nanku ke siseKadeshe, umzi osekupheleni komda wakho. 17Makhe sicande ezweni lakho. Asiyi kucanda masimini nasezidiliyeni. Asiyi kusela manzi amaqula. Sohamba ngomendo wenkosi; asiyi kuthi gu bucala siye ekunene nasekhohlo, side sicande emdeni wakho.
18Wathi uEdom kuye, Ùze ungacandi kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze. 19Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela. Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.
20Wathi, Ùze ungacandi. Watsho waphuma uEdom, wamhlangabeza enento eninzi yabantu, enesandla esithe nkqi. 21Wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. Wajika ke uSirayeli, wemka kuye.
Ukufa kuka-Aron
22Banduluka eKadeshe; beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
23Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi, 24UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano. 25Thabatha uAron noElazare unyana wakhe, ubanyuse entabeni yeHore; 26umhlube uAron iingubo zakhe, uzambathise uElazare unyana wakhe. UAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele khona.
27Wenza uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho; benyuka entabeni yeHore phambi kwebandla lonke. 28UMoses wamhluba uAron iingubo zakhe, wazambathisa uElazare unyana wakhe. Wafela khona uAron encotsheni yentaba. Wehla uMoses noElazare entabeni. 29Lakubona lonke ibandla ukuba uAron uphume umphefumlo, bamlilela uAron imihla emashumi mathathu, yonke indlu yakwaSirayeli.
Currently Selected:
INUMERI 20: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: