IMIZEKELISO 14
14
1Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe;
Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.
2Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova;
Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.
3Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi;
Umlomo wezilumko uyazigcina.
4Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba zé;
Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.
5Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga;
Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.
6Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi;
Ukwâzi kulula konengqondo.
7Suka ebusweni bendoda esisinyabi;
Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.
8Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe;
Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.
9Idini letyala liyazigxeka izimathane;
Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.
10Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo;
Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.
11Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa;
Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.
12Kukho indlela ethe tye phambi komntu,
Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
13Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa;
Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.
14Uhlútha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo;
Umntu olungileyo uhlútha zizenzo zakhe ngokwakhe.
15Isiyatha sikholwa ngamazwi onke;
Onobuqili uyakuqónda ukunyathela kwakhe.
16Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi;
Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.
17Ozekanekayo wenza ukumatha;
Indoda yamayelenqe ithiyekile.
18Ilifa leziyatha kukumatha;
Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.
19Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo;
Abangendawo bema emasangweni amalungisa.
20Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo;
Ke bona abathanda isityebi baninzi.
21Omdelayo ummelwane wakhe uyona;
Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
22Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?
Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
23Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;
Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
24Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;
Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
25Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;
Ke elifutha amanga liyinkohliso.
26Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,
Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.
27Ukoyika uYehova lithende lobomi,
Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.
28Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani;
Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.
29Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi;
Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.
30Bubomi benyama intliziyo epholileyo;
Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso;
Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.
32Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe;
Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.
33Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko;
Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.
34Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga;
Isono lihlazo lezizwe.
35Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo;
Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 14: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.