IMIZEKELISO 22
22
1Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi;
Isimilo esilungileyo silunge ngaphezu kwesilivere negolide.
2Ziyaqubisana izityebi namahlwempu;
Umenzi wabo bonke nguYehova.
3Onobuqili ubona into embi, azifihle;
Ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.
4Umvuzo wolulamo kukoyika uThixo,
Bubutyebi, nozuko, nobomi.
5Ngameva nezibatha, endleleni yojibilizayo;
Ogcine umphefumlo wakhe makadede kuzo.
6Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana;
Naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.
7Isityebi siya kuwalawula amahlwempu;
Nobolekayo ngumkhonzi endodeni embolekayo.
8Ohlwayela ubugqwetha, wovuna ubutshinga,
Nentonga yokuphuphuma kwakhe umsindo yophela.
9Oliso linobubele nguye osikelelekayo;
Kuba kwisonka sakhe upha isisweli.
10Gxotha umgxeki, iphume ingxabano,
Kuthi bembe amaphike nokucukuceza.
11Othanda ukuhlambuluka kwentliziyo,
Omlomo unobabalo, umhlobo wakhe ngukumkani.
12Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi,
Aphenule intetho yenginingini.
13Ivila lithi, Kukho ingonyama phandle,
Ndoncinithwa ezitratweni.
14Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo;
Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.
15Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana;
Intonga yokuqeqesha yokumkisa kuye.
16Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe,
Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.
Amaqhalo ezilumko
17Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko,
Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
18Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;
Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
19Ukuze ùkholose ngoYehova,
Ndikwazisile namhla wena lo.
20Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko,
Ezineengcebiso nokwazi,
21Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,
Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?
22Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,
Ungamtyumzi olusizana esangweni;
23Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo,
Awonakalise umphefumlo wabonákalisa bona.
24Musa ukuqhelana nomntu onomsindo,
Ungahambi nendoda enobushushu,
25Hleze ufunde iindlela zayo,
Urhintyelise umphefumlo wakho.
26Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla,
Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.
27Ukuba ùthe akwaba nanto yakuhlawula,
Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?
28Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala,
Abawenzáyo ooyihlo.
29Ùyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani;
Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 22: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.