IMIZEKELISO 3
3
Ukuthobela uThixo nomvuzo wako
1Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam;
Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;
2Kuba iya kukongeza imihla emide,
Neminyaka yobomi, noxolo.
3Inceba nenyaniso mayingakushiyi;
Zínxibe kuwe emqaleni;
Zíbhale elucwecweni lwentliziyo yakho,
4Ubabalwe ube nengqiqo entle
Emehlweni kaThixo nawabantu.
5Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke,
Ungayami okwakho ukuqonda.
6Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke;
Wówulungelelanisa umendo wakho.
7Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo;
Yoyika uYehova usuke entweni embi.
8Ukuphila kobakho enkabeni yakho,
Nokuqina emathanjeni akho.
9Mzukise uYehova ngobuncwane bakho,
Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:
10Ózala amaqonga akho bubuninzi,
Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.
11Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa,
Ungakruquki sisohlwayo sakhe;
12Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya,
Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.
Imivuzo yobulumko
13Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!
14Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere,
Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.
15Bunqabile bona ngaphezu kwekorale,•
Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.
16Imihla emide isesandleni sabo sokunene,
Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.
17Iindlela zabo ziindlela ezimnandi,
Wonke umendo wabo uluxolo.
18Bungumthi wobomi kwababambelela kubo,
Únoyolo obubambayo.
19UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko,
Walizinzisa izulu ngengqondo.
20Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe,
Savuza umbethe isibhakabhaka.
21Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho:
Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.
22Zóba bubomi emphefumlweni,
Nento entle emqaleni wakho.
23Ùya kwandula uhambe ngendlela yakho úkholosile.
Lungabetheki unyawo lwakho.
24Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;
Wòlala, bube mnandi ubuthongo bakho.
25Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,
Nasithonga sabangendawo, sakufika.
26Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho,
Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.
Iziyalo ngeziyalo
27Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo,
Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.
28Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wòbuya uze,
Ndokunika ngomso;
Kanti ùnayo.
29Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho,
Ehleli nawe yena ekholosile.
30Musa ukubambana nomntu kungekho nto,
Engakuphathanga kakubi nje.
31Musa ukuyimonela indoda engonyamelayo,
Unganyuli nanye kwiindlela zayo.
32Kuba othi gu bucala úlisikizi kuYehova;
Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.
33Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo;
Ke isithili samalungisa úyasisikelela.
34Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka;
Ke abalulamileyo uyabababala.
35Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko;
Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.