IMIZEKELISO 7
7
1Nyana wam, gcina intetho yam,
Uyiqwebele kuwe imithetho yam.
2Gcina imithetho yam, udle ubomi;
Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho.
3Yibophe eminweni yakho,
Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.
4Yithi kubulumko, Ùngudade wethu;
Uthi, Ingqondo sisihlobo;
5Ukuze ugcinwe kumkamntu,
Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.
6Kuba ngefestile yendlu yam,
Ndíngasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;
7Ndabona phakathi kweziyatha,
Ndaqonda phakathi kwamadodana,
Umfana oswele intliziyo;
8Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu,
Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;
9Ngongcwalazi, ukumka komhla,
Naphakathi kobusuku esithokothokweni.
10Nanko umfazi emkhawulela,
Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.
11Úyaphithizela, uyinjubaqa;
Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.
12Uthi ephandle, abe esezitratweni,
Alale kufuphi neembombo zonke.
13Wambamba ke, wamanga,
Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,
14Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam,
Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.
15Ngenxa yoko ndiphumé ndeza kukukhawulela,
Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.
16Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo,
Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;
17Ndisifefé isilili sam
Ngemore,• nehaloti,• nesinamon.•
18Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse,
Sizidlamkise ngothando.
19Kuba indoda ayikho ekhaya,
Ihambé uhambo olude;
20Iphethe ingxowa yemali;
Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.
21Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe,
Wamwexula ngokumcenga kwakhe.
22Wamlandela ke ngesiquphe,
Njengenkomo isiya ekuxhelweni,
Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,
23Njengentaka ikhawulezela esibatheni;
Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo,
Lude utolo lusicande isibindi sakhe.
24Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni,
Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.
25Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe,
Ungandwendweli emendweni wakhe.
26Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo;
Linani elikhulu alibuleleyo.
27Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe,
Zihla ziye ezingontsini zokufa.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 7: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.