IINDUMISO 105
105
Imisebenzi emangalisayo kaThixo ngenxa kaSirayeli
1Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe;
Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
2Vumani kuye, mbetheleni uhadi;
Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
3Qhayisani ngegama lakhe elingcwele;
Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova.
4Ngxamelani uYehova namandla akhe;
Funani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
5Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo,
Izimanga zakhe, nezigwebo zomlomo wakhe,
6Mbewu ka-Abraham, yomkhonzi wakhe,
Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.
7NguYehova uThixo wethu yena;
Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.
8Úwukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe,
Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana;
9Awanqophisana ngalo noAbraham,
Awalifungela uIsake;
10Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi,
Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;
11Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,
Libe licandelo lelifa lenu;
12Besengamadoda ambalwa,
Bebancinane, bengabaphambukeli kulo.
13Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga,
Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
14Akavumelanga mntu ukuba abacudise,
Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;
15Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,
Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
16Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,
Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.
17Wathuma indoda phambi kwabo;
Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.
18Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,
Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;
19Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,
Intetho kaYehova yamnyibilikisa.
20Ukumkani wathuma, wamkhulula,
Umlawuli wezizwe wamvulela;
21Wamenza inkosi yendlu yakhe,
Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,
22Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,
Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.
23Waza uSirayeli waya eYiputa,
UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.
24Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,
Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.
25Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,
Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.
26Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,
NoAron awamnyulayo.
27Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe,
Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.
28Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama;
Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.
29Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi,
Wazibulala iintlanzi zabo.
30Ilizwe labo lanyakazela amasele
Ezingontsini zookumkani babo.
31Wathetha, zafika izibawu,
Iingcongconi, emideni yabo yonke.
32Wabanika isichotho, saba yimvula;
Umlilo walenya ezweni labo.
33Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo,
Wayishwaqa imithi yemida yabo.
34Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo,
Nezikhothululayo, into engenakubalwa;
35Zayidla imifuno yonke ezweni labo,
Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.
36Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo,
Intlahlela yamandla abo onke.
37Wabakhupha ke abakhe benesilivere negolide,
Akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.
38Lavuya iYiputa ekuphumeni kwabo,
Ngokuba lifikelwe kukunkwantyisa kwabo.
39Waneka ilifu lokubasitha,
Nomlilo wokukhanyisa ebusuku.
40Babiza, wazisa izagwityi,
Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.
41Wavula iliwa, abaleka amanzi,
Ahamba engumlambo emqwebedwini.
42Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele,
Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.
43Wabakhupha abantu bakhe benemihlali,
Abanyulwa bakhe bememelela.
44Wabanika amazwe eentlanga,
Bayihlutha inzuzo yokwaphuka kwezizwe,
45Ukuze bayigcine imimiselo yakhe,
Bayibambe imiyalelo yakhe.
Haleluya!
Currently Selected:
IINDUMISO 105: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.