IINDUMISO 108
108
Umbongo kuThixo nomthandazo wokucela uloyiso
Ingoma. Umhobe kaDavide.
1Izimasekile intliziyo yam, Thixo,
Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi,
Kwanozuko lwam.
2Vukani, mrhubhe nohadi;
Ndiya kusiphangela isifingo.
3Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova,
Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.
4Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho,
Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.
5Zíphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo,
Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.
6Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,
Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
7UThixo uthethe engcwele; mandivuyelele,
Ndimàbe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
8Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,
UEfrayim sisigcina-ntloko sam,
UYuda yintonga yam yommiselo;
9UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,
Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;
Ndiduma ngelamaFilisti.
10Ngubani na owondisa emzini onqatyisiweyo,
Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
11Asinguwe na, Thixo, lo usihlambileyo?
Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.
12Síncede kumbandezeli wethu;
Alunto yanto usindiso lomntu.
13NgoThixo siya kweyisa,
Abagqushe yena ababandezeli bethu.
Currently Selected:
IINDUMISO 108: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.