IINDUMISO 110
110
UThixo ugunyazisa ukumkani
EkaDavide. Umhobe.
1Utsho uYehova eNkosini yam ukuthi,
Hlala ngasekunene kwam,
Ndide iintshaba zakho ndizenze
Isitulo seenyawo zakho.
2Intonga yamandla akho úya kuyithumela uYehova, ivela eZiyon, esithi,
Yiba nobukhosi phakathi kweentshaba zakho.
3Abantu bakho baya kuzinikela ngeentliziyo, ngemini yakho yokuphuma umkhosi;
Bebethe ezingcwele, ekuphumeni kwesifingo,
Úza kuwe umbethe womlisela wakho.
4Ufungile uYehova, akayi kuzohlwaya; uthe,
Ùngumbingeleli ngonaphakade wena
Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.•
5INkosi ngasekunene kwakho
Iya kuphalusa ookumkani ngemini yomsindo wayo.
6Iya kugweba phakathi kweentlanga, kuzale zizidumbu;
Iphaluse intloko ezweni elibanzi.
7Endleleni iya kusela emlanjaneni;
Ngenxa yoko iya kuphakamisa intloko.
Currently Selected:
IINDUMISO 110: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.