IINDUMISO 119
119
Iingcamango ngomthetho kaThixo
1Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo,
Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!
2Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe,
Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!
3Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha,
Bayahamba ngeendlela zakhe.
4Ùzimisile iziyalezo zakho,
Ukuba zigcinwe kunene.
5Azaba iindlela zam bezibhekiselwe
Ukugcina imimiselo yakho!
6Bendingayi kudana ke
Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.
7Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye,
Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.
8Ndiya kuyigcina imimiselo yakho,
Musa ukundishiya kuphele.
9Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?
Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.
10Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke;
Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.
11Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,
Ukuze ndingoni kuwe.
12Ungowokubongwa, Yehova;
Ndífundise imimiselo yakho.
13Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam
Onke amasiko omlomo wakho.
14Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,
Ngathi kusebuncwaneni bonke.
15Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho,
Ndibheke kumendo wakho.
16Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho;
Andiyi kulilibala ilizwi lakho.
17Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi,
Ndigcíne ilizwi lakho.
18Vula amehlo am, ukuba ndiyibone
Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.
19Ndingumphambukeli ehlabathini,
Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.
20Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela
Amasiko akho ngamaxesha onke.
21Ùbakhalimele abakhukhumali,
Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.
22Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo,
Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho.
23Nangona abathetheli behlala bathethe ngam,
Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho.
24Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko,
Zingamaphakathi am.
25Umphefumlo wam unamathéle eluthulini;
Ndíphilise ngokwelizwi lakho.
26Ndizicacisile iindlela zam, wandiphendula;
Ndífundise imimisela yakho.
27Ndíqondise iindlela zeziyalezo zakho,
Ndicamngce ngemisebenzi yakho ebalulekileyo.
28Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala,
Ndímise ngokwelizwi lakho.
29Indlela yobuxoki yisuse kum;
Ndíbabale umyalelo wakho.
30Ndiyinyúle indlela yokuthembeka;
Amasiko akho ndijolisé kuwo.
31Ndinamathéle ezingqinisweni zakho;
Musa ukundidanisa, Yehova.
32Ndigidima ngendlela yemithetho yakho,
Ngokuba uyenzé banzi intliziyo yam.
33Ndíyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho,
Ndiyibàmbe kuphele.
34Ndíqondise, ndibámbe umyalelo wakho,
Ndiwugcìne ngentliziyo yonke.
35Ndínyathelise endleleni yemithetho yakho,
Ngokuba ndiyithandile.
36Intliziyo yam yithobele ezingqinisweni zakho,
Ungayithobeli ekubaweni.
37Dlulisa amehlo am angakhangeli inkohlakalo,
Ndíphilise ngeendlela zakho.
38Zalisa kumkhonzi wakho intetho yakho,
Eyokuba bakoyike.
39Yidlulise ingcikivo yam endinxunguphala yiyo,
Ngokuba amasiko akho alungile.
40Nanku ndilangazelela iziyalezo zakho,
Ndíphilise ngobulungisa bakho.
41Mazize kum iinceba zakho, Yehova,
Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho;
42Ndimphèndule ngelizwi ondingcikivayo,
Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho.
43Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso,
Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;
44Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke,
Ngonaphakade kanaphakade;
45Ndihamba-hàmbe endaweni ebanzi,
Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.
46Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani,
Ndingabi nakudana.
47Ndoziyolisa ngemithetho yakho
Endiyithandayo;
48Ndiziphakámise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo,
Ndicamngce ngemimiselo yakho.
49Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho,
Ngenxa enokuba ùndithembise lona.
50Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam,
Yokuba intetho yakho indiphilisile.
51Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu;
Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho.
52Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova,
Ndathuthuzeleka.
53Ndingenwé ngumsindo oshushu,
Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.
54Iziingoma kum imimiselo yakho,
Endlwini yokuphambukela kwam.
55Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,
Ndawugcina umyalelo wakho.
56Ndinikwe oku,
Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.
57Isabelo sam, Yehova, ndithi,
Sesokuba ndigcine amazwi akho.
58Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke,
Ndíbabale ngokwentetho yakho.
59Ndazicingela iindlela zam,
Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.
60Ndikhawulezile andazila-zila
Ukugcina imithetho yakho.
61Izintya zabangendawo zindithandele,
Àndiwulibele umyalelo wakhe noko.
62Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe,
Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
63Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,
Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.
64Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;
Ndífundise imimiselo yakho.
65Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,
Yehova, ngokwelizwi lakho.
66Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,
Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.
67Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;
Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.
68Ùlungile wena, ulungisa;
Ndífundise imimiselo yakho.
69Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;
Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.
70Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;
Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.
71Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,
Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.
72Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,
Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.
73Izandla zakho zindenzile, zandilungisa;
Ndíqondise, ndifùnde imithetho yakho.
74Abakoyikayo bondibona, bavuye,
Ngokuba ndilindele elizwini lakho.
75Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;
Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.
76Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,
Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.
77Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile,
Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.
78Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki,
Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.
79Mabandibuyele abakoyikayo,
Nabazaziyo izingqiniso zakho.
80Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,
Ukuze ndingadani.
81Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,
Ndilindéle elizwini lakho.
82Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho,
Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na?
83Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini;
Andiyilibali imimiselo yakho.
84Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?
Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?
85Abakhukhumali bandimbele izihogo,
Abangenamyalelo wakho.
86Yonke imithetho yakho ithembekile:
Bandisukela ngobuxoki; ndíncede.
87Baphantse ukundigqibela emhlabeni,
Ke mna andizilahli iziyalezo zakho.
88Ndíphilise ngokwenceba yakho,
Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho.
89Lingunaphakade, Yehova,
Limi emazulwini ilizwi lakho.
90Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana;
Ulizinzisile ihlabathi, lema.
91Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,
Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.
92Koko umyalelo wakho wandiyolisáyo,
Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.
93Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho,
Ngokuba undiphilisile ngazo.
94Ndingowakho mna, ndísindise,
Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.
95Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise;
Mna ndigqalé izingqiniso zakho.
96Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona;
Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.
97Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!
Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.
98Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho,
Ngokuba yeyam ngonaphakade.
99Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,
Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.
100Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,
Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.
101Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi,
Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.
102Andisuki emasikweni akho,
Ngokuba ùndiyalile wena.
103Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam!
Igqithe nobusi emlonyeni wam.
104Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,
Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.
105Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho,
Likukukhanya emendweni wam.
106Ndikufungele, ndikumisile,
Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.
107Ndide ndacinezeleka kakhulu;
Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho.
108Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam;
Ndífundise amasiko akho.
109Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam,
Ndingàwulibali umyalelo wakho.
110Abangendawo bandenzele umgibe,
Andiphambukanga eziyalezweni zakho.
111Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade,
Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;
112Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho
Ngonaphakade, kuphele.
113Abambaxa ndiyabathiya,
Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.
114Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,
Ndìlindele elizwini lakho.
115Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,
Ndibámbe imithetho yoThixo wam.
116Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,
Ungandidanisi ekulindeni kwam.
117Ndíxhase ndisinde,
Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.
118Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,
Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.
119Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,
Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.
120Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,
Ndizoyike izigwebo zakho.
121Ndenza ngesiko nangobulungisa,
Ungandinikeli kwabandicudisayo.
122Mmele umkhonzi wakho, kulunge;
Mabangandicudisi abakhukhumali.
123Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho,
Nentetho yobulungisa bakho.
124Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho
Undifundise imimiselo yakho.
125Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise,
Ndizàzi izingqiniso zakho.
126Lilixa lokuba uYehova enze,
Kuba bawaphúle umyalelo wakho.
127Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho
Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.
128Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke;
Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.
129Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho,
Ngenxa yoko úzibambile umphefumlo wam.
130Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa,
Kuqondisa abazizidenge.
131Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza,
Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.
132Ndíbheke, undibabale,
Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.
133Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho,
Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.
134Ndíkhulule ekucudiseni komntu,
Ndizigcine iziyalezo zakho.
135Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,
Undifundise imimiselo yakho.
136Ahla imijelo yamanzi amehlo am,
Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.
137Ùlilungisa wena, Yehova,
Zithe tye izigwebo zakho.
138Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa,
Zaba nokuthembeka kakhulu.
139Ikhwele lam lindibhangisile,
Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.
140Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene,
Umkhonzi wakho uyalithanda.
141Ndimncinane, ndideliwe,
Noko andizilibali iziyalezo zakho.
142Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade,
Umyalelo wakho uyinyaniso.
143Imbandezelo nengcutheko indifumene,
Imithetho yakho iyandiyolisa.
144Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho,
Ndíqondise, ndiphile.
145Ndikhala ngentliziyo yonke, ndíphendule;
Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba.
146Ndikhala kuwe, ndísindise,
Ndigcìne izingqiniso zakho.
147Ndakúphangela ukusa, ndazibika,
Ndalindela emazwini akho.
148Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku,
Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.
149Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho,
Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho.
150Bayasondela abaphuthuma amanyala,
Banyawuka emyalelweni wakho;
151Ùsondele wena, Yehova,
Yonke imithetho yakho iyinyaniso.
152Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho,
Ukuba uzisekile ngonaphakade.
153Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule,
Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.
154Bambana nobambene nam, undikhulule,
Ndíphilise ngokwelizwi lakho.
155Lunyawukile kwabangendawo usindiso,
Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.
156Iimfesane zakho zininzi, Yehova;
Ndíphilise ngokwamasiko akho.
157Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo;
Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho.
158Ndababona abatshinizi, ndakruquka,
Abo bangàyigciniyo intetho yakho.
159Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho,
Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho.
160Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela,
Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.
161Abathetheli bandisukela ngelizé,
Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.
162Ndinemihlali ngentetho yakho,
Njengofumene ixhoba elininzi.
163Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum;
Ndiyawuthanda umyalelo wakho.
164Ndikudumisa kasixhenxe ngemini,
Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
165Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho;
Akukho sikhubekiso kubo.
166Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova;
Ndenza imithetho yakho.
167Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho,
Ndizithanda kunene.
168Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho,
Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.
169Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam;
Yehova, ndíqondise ngokwelizwi lakho.
170Masifike isikhungo sam phambi kwakho;
Ndíhlangule ngokwentetho yakho.
171Umlomo wam mawumpompoze indumiso,
Kuba ùndifundisile imimiselo yakho.
172Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho,
Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa.
173Isandla sakho masibe sesokundinceda,
Ngokuba ndizinyuléle iziyalezo zakho.
174Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova;
Umyalelo wakho uyandiyolisa.
175Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise,
Andincede amasiko akho.
176Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho,
Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.
Currently Selected:
IINDUMISO 119: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.