IINDUMISO 121

121
UYehova uMgcini wabantu bakhe
Ingoma yezinyuko.
1Ndíwaphakamisele ezintabeni na amehlo am?
Luya kuvela phi na uncedo lwam?
2Uncedo lwam luvela kuYehova,
UMenzi wezulu nehlabathi.
3Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni;
Akayi kukha ozele umgcini wakho.
4Ùyabona, akozeli, akalali,
UMgcini kaSirayeli.
5NguYehova umgcini wakho,
NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.
6Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa,
Nenyanga ebusuku.
7UYehova uya kukugcina ebubini bonke,
Uya kuwugcina umphefumlo wakho.
8UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho,
Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

Currently Selected:

IINDUMISO 121: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena