IINDUMISO 132
132
Ukuzondelela indlu kaThixo
Ingoma yezinyuko.
1Yehova, mkhumbulele uDavide
Ukucinezeleka kwakhe konke;
2Yena wamfungelayo uYehova,
Wabhambathisa kwimbalasane enguThixo kaYakobi,
3Esithi, Andiyi kungena ententeni eyindlu yam,
Andiyi kunyuka ndiye esililini, emandlalweni wam;
4Andiyi kuwanika amehlo am ubuthongo,
Neenkophe zam ukozela:
5Ndide ndimfumanele indawo uYehova,
Ndiyifumanele umnquba imbalasane kaYakobi.
6Khangela, sawuva e-Efrata,
Sawufumana ezintilini zaseKiriyati-yeharim.•
7Masingene emnqubeni wakhe,
Siqubude esihlalweni seenyawo zakhe.
8Khawusuk' ume, Yehova, uze ekuphumleni kwakho,
Wena netyeya yamandla akho.
9Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa,
Bamemelele abakho benceba.
10Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,
Musa ukubutyhala ubuso bomthanjiswa wakho.
11UYehova wamfungela uDavide;
Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto,
Esithi, Esiqhameni sezibilini zakho
Ndimisa oya kuba setroneni yakho.
12Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam,
Nesingqiniso sam endibafundisayo:
Oonyana babo bothi nabo bahlale
Etroneni yakho nanini.
13Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon,
Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;
14Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini;
Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.
15Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene;
Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,
16Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo,
Abenceba bayo bamemelele bememelela.
17Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide,
Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.
18Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano;
Ke phezu kwakhe yena síya kutyatyamba isithsaba sakhe.
Currently Selected:
IINDUMISO 132: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.