IINDUMISO 141
141
Umthandazo wokucela ukuthembeka kuThixo
Umhobe kaDavide.
1Yehova, ndiyakunqula, khawuleza uze kum;
Libekele indlebe izwi lam ekudandulukeni kwam kuwe.
2Umthandazo wam mawuhlale uhleli phambi kwakho usisiqhumiso,
Nokuphakamisa kwam izandla kube ngumnikelo wangokuhlwa.
3Umlomo wam wumisele umlindi, Yehova;
Misa umgcini emnyango womlomo wam.
4Intliziyo yam musa ukuyithobela entweni embi,
Ukuba isebenze intlondi yokungendawo
Namadoda asebenza ubutshinga;
Mandingazidli izimnandi zawo.
5Malindibethe ilungisa linenceba, lindohlwaye;
Ioli enjalo yentloko ayingeyali intloko yam:
Ngokuba usekho nomthandazo wam ebubini bawo.
6Bakhahlelwa emacaleni engxondorha abagwebi bawo,
Beve amazwi am ukuba amnandi.
7Njengolimayo enqika umhlaba,
Anjalo ukuthi saa amathambo ethu emlonyeni wengcwaba.
8Ngokuba akuwe, Yehova, Nkosi yam, amehlo am;
Ndizímela ngawe; musa ukuwuphalaza umphefumlo wam.
9Ndígcine esangweni lomgibe wabandithiyelayo,
Nasezirhintyelweni zabasebenza ubutshinga.
10Mabeyele ezintanjeni zabo abangendawo,
Ndide ndidlule mna okukanye.
Currently Selected:
IINDUMISO 141: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: