IINDUMISO 52
52
Ubungendawo buyakhalinyelwa
Kumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki.
1Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha?
Inceba kaThixo ikho imihla yonke.
2Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela,
Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.
3Ùthanda okubi kunokulungileyo;
Ùbuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)
4Ùthanda onke amazwi aginyayo,
Lulwimindini lukhohlisayo.
5Naye uThixo uya kukudiliza kuphele;
Úya kukuxwila, akuncothule ententeni,
Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)
6Obona amalungisa, oyike,
Amhleke, athi,
7Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo,
Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe,
Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.
8Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo;
Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.
9Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku;
Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.
Currently Selected:
IINDUMISO 52: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.