IINDUMISO 55
55
Umthandazo wokucela ukuhlangulwa nowokucela ukutshatyalaliswa kwamatshijolo
Kumongameli. Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Eyokuqiqa: ekaDavide.
1Wubekele indlebe umthandazo wam, Thixo,
Musa ukuzifihla esikhungweni sam.
2Ndíbazele indlebe undiphendule.
Ndiyaphaphatheka ekucamngceni kwam, ndincwine,
3Ngenxa yelizwi lotshaba,
Ngenxa yokuxinzelelwa phantsi ngabangendawo;
Ngokuba zindiqengqela ubutshinga,
Ziyandisukela ngomsindo.
4Intliziyo yam iyazibhija-bhija phakathi kwam;
Izothuso zokufa zindiwele.
5Ukoyika nokuthuthumela kundingene;
Ndigutyungelwe kukududuzela.
6Ndathi, Andaba bendinamaphiko njengehobe!
Bendiya kubaleka ndiye ndihlale!
7Nanko ndibalekela kude,
Ndilalise entlango. (Phakamisani.)
8Bendiya kukhawuleza, ndisinde
Emoyeni ovuthuzayo naseluqhwitheleni.
9Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;
Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;
Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11Ukweyelisela kuphakathi kwawo;
Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12Ngokuba àsilutshaba olu lundingcikivayo;
Bendiya kukuthwala oko.
Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;
Bendiya kusithela kuye.
13Nguwe, mntu ubungumlingane wam,
Ikholwane lam endazana nalo,
14Ebesicweya kamnandi,
Siye endlwini kaThixo silihlokondiba eligcobayo.
15Ukufa makubaqubule,
Mabehle baye kwelabafileyo besaphilile;
Ngokuba ububi busemizini yabo phakathi kwabo.
16Mna ndinqula uThixo;
UYehova uya kundisindisa.
17Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine;
Úya kuliva izwi lam.
18Úwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum,
Ngokuba baninzi abandichasayo.
19UThixo uya kuva, abaphendule,
Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.)
Abo bangenanguquko,
Bangamoyikiyo uThixo.
20Babasa isandla abaxolelene nabo;
Bahlambela umnqophiso wabo;
21Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo,
Ke yimfazwe intliziyo yabo.
Athambile amazwi abo ngaphezu kweoli,
Kanti aziintlangothi zekrele.
22Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa;
Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
23Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo.
Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo;
Ke mna ndikholose ngawe.
Currently Selected:
IINDUMISO 55: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.