IINDUMISO 57
57
Umthandazo wenkoloseko wokucela ugcino lukaThixo
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekumbalekeni kwakhe uSawule emqolombeni.
1Ndíbabale, Thixo, ndibabale;
Ngokuba úzímela ngawe umphefumlo wam;
Ndizímela esithunzini samaphiko akho,
Kude kudlule inkxwaleko.
2Ndinqula uThixo Osenyangweni,
UThixo ondifezelayo.
3Úya kuthuma esemazulwini andisindise,
Emngcikiva nje ondizondayo; (Phakamisani.)
UThixo uya kuthuma inceba yakhe nenyaniso yakhe.
4Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;
Ndiya kulala phantsi nabafutha umlilo,
Oonyana babantu abamazinyo aziintshuntshe neentolo,
Ulwimi lwabo lulikrele elibukhali.
5Ziphakamisele ngaphezu kwamazulu, Thixo,
Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.
6Isibatha basilungisele iinyawo zam;
Bawugobile umphefumlo wam;
Bándimbela isihogo,
Beyela kuso ngokwabo. (Phakamisani.)
7Izimasekile intliziyo yam, Thixo, izimasekile intliziyo yam;
Ndiya kuvuma, ndiya kubetha uhadi.
8Vuka, luzuko lwam! Vukani, mrhubhe nohadi!
Ndiya kusiphangela isifingo.
9Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam;
Ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe.
10Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho;
Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.
11Ziphakamisele ngaphezu kwezulu, Thixo,

Currently Selected:
IINDUMISO 57: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: