IINDUMISO 80
80
Umthandazo wokucela ukuhlangulwa nguThixo, nokubuyiswa kwesidiliya sakhe
Kumongameli; ngeyeenyibiba ezingqinisayo. Ka-Asafu. Umhobe.
1Ulomalusi kaSirayeli, beka indlebe!
Uloqhuba uYosefu njengezimvu,
Ulohlala ezikerubhini,• bengezela!
2Phambi koEfrayim noBhenjamin noManase,
Vusa ubugorha bakho,
Uze kusisindisa.
3Thixo, sibuyise,
Ukhanyise ubuso bakho, sisindiswe.
4Yehova, Thixo wemikhosi,
Kunini na uqhuma umsindo wakho ekuthandazeni kwabantu bakho?
5Ubadlisa isonka seenyembezi,
Wabaseza iinyembezi ngemilinganiso.
6Ùsenzé into abaxabana ngayo abamelwane bethu;
Iintshaba zethu ziyasigculela.
7Thixo wemikhosi, síbuyise,
Ukhanyise ubuso bakho, sisindiswe.
8Wanyothula umdiliya eYiputa,
Wagxotha iintlanga, wawutyala;
9Wahlahla phambi kwawo,
Wendelisa iingcambu, wazalisa ilizwe.
10Zagutyungelwa iintaba ngumthunzi wawo,
Nemisedare• kaThixo ngamasebe awo.
11Wasa amasebe awo elwandle,
Namagatya awo kuwo uMlambo.•
12Ùzityhobozeleni na iintango zawo,
Ukuze bawukhe bonke abadlula ngendlela?
13Ingulube yasehlathini iyawubhuqa,
Nento edakasa endle iyawudla.
14Thixo wemikhosi, khawubuye,
Uqondele usemazulwini, ubone,
Uwuvelele lo mdiliya.
15Yikhusele into esiyityeleyo isandla sakho sokunene,
Unyana lo uzizimaseleyo ngokwakho.
16Útshisiwe ngumlilo, uhlahliwe;
Bayadaka ngokusongela kobuso bakho.
17Isandla sakho masibe phezu komfo wesandla sakho sokunene,
Phezu koonyana babantu, ozizimaseleyo ngokwakho.
18Àsiyi kumka kuwe;
Síphilise, silinqule igama lakho.
19Yehova, Thixo wemikhosi, sibuyise,
Ukhanyise ubuso bakho, sisindiswe.
Currently Selected:
IINDUMISO 80: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.