ISITYHILELO 11
11
Amangqina amabini
1Ndaza ndanikwa ingcongolo, ifana nentonga; saye isithunywa eso simi, sisithi, Suka uyilinganise itempile kaThixo, nesibingelelo, nabo banqulayo bekuyo. 2Intendelezo engaphandle kwetempile yiphose phandle, ungayilinganisi yona; ngokuba inikwe iintlanga; umzi ongcwele ziya kuwunyathelela phantsi iinyanga ezimashumi mané anambini. 3Ndiya kuwanika amangqina am amabini, aprofete imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu, ethiwe wambu ngeengubo ezirhwexayo.
4Láwo yile minquma mibini, nezi ziphatho zezibane zibini, zimiyo phambi koThixo womhlaba. 5Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo. 6Wona la ánegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
7Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale. 8Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. 9Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni. 10Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini bábathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.
11Emva kwemihla leyo mithathu inesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo. 12Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.
13Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.
14Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.
Ixilongo lesixhenxe
15Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi:
Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu• wayo.
Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
16Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamané, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo, 17esithi:
Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla,
Wena ukhoyo, wawukho, uzayo,
Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.
18Iintlanga zaqumba,
Yeza ingqumbo yakho,
Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe,
Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele,
Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu,
Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.
19Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya• yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.
Currently Selected:
ISITYHILELO 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: