ISITYHILELO 8
8
Ukuvuthelwa kwamaxilongo asixhenxe
1Xa yalivulayo elesixhenxe itywina, kwabakho ukuzola ezulwini, kwangathi sisiqingatha seyure.
2Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa amaxilongo asixhenxe.
3Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone. 4Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo. 5Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. 6Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.
7Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo, elwandle; saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi; 9safa isahlulo sesithathu sezidalwa eziphilileyo eziselwandle; nesahlulo sesithathu semikhombe sonakaliswa.
10Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi. 11Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
12Sathi esesiné isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi, ukuze isahlulo sesithathu sazo sibe mnyama, sithi isahlulo sesithathu sayo imini singakhanyi, bube njalo nobusuku.
13Ndabona, ndeva olunye ukhozi luphaphazela esazulwini samazulu, lusithi ngezwi elikhulu, Yeha! yeha! yeha! abo bemiyo phezu komhlaba, ngawo amazwi aseleyo exilongo lezithunywa ezithathu, ezisaza kuvuthela amaxilongo.
Currently Selected:
ISITYHILELO 8: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: