URUTE 4
4
Umtshato kaRute noBhohazi
1Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi; wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi. 2Waphambuka, wahlala. Wathabatha ishumi lamadoda kumadoda amakhulu omzi, wathi, Hlalani apha; ahlala ke.
3Wathi kumkhululi lowo, Isahlulo somhlaba obungowomzalwana wethu uElimeleki, uthengisé ngaso uNahomi, obuye elizweni lakwaMowabhi; 4ndathi ke mna, mandivule indlebe yakho, ndithi, Wuthenge ngaphambi kwaba bahleliyo apha, phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu. Ukuba uyawukhulula ngentlawulelo, wukhulule ngentlawulelo; ukuba akuwukhululi ngentlawulelo, ndixelele ndazi; ngokuba akukho bani unokuwukhulula ngentlawulelo, ingenguwe; ndisemva kwakho mna. Wathi, Ndowukhulula ngentlawulelo mna.
5Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe. 6Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.
7Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli. 8Wathi umkhululi lowo kuBhohazi, Zithengele. Wanyothula imbadada yakhe.
9Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi; noRute umMowabhikazi, 10umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla. 11Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakháyo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem; 12indlu yakho ibe njengendlu kaPeretse, awamzalayo uTamare kuYuda, ngembewu leyo aya kukunika uYehova ngale ntombazana.
Ukuzalwa komntwana wabo
13UBhohazi wamzeka ke uRute waba ngumkakhe, wamngena; waza uYehova wamnika ukuzala; wazala unyana. 14Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli; 15abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho; ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, úmzele. 16UNahomi wamthabatha umntwana lowo, wambeka esifubeni sakhe, waba ngumondli wakhe. 17Lwamthiya igama umelwanekazi, lwathi, UNahomi uzalelwe unyana, lwathi igama lakhe nguObhedi; yena nguyise kaYese, uyise kaDavide.
18Yiyo le ke inzala kaPeretse: uPeretse wazala uHetseron; 19uHetseron wazala uRam; uRam wazala uAminadabhi; 20uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon; 21uSalemon wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhedi; UObhedi wazala uYese; 22uYese wazala uDavide.
Currently Selected:
URUTE 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: