INGOMA YAZO IINGOMA 4
4
Ukunconywa kobunzwakazi bomtshakazi nempendulo yakhe
1Yabona, ùyinzwakazi, wethu; yabona, ùyinzwakazi.
Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho;
Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe
Osemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.
2Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo,
Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni,
Zinamawele zonke,
Kungekho ifelweyo kuzo.
3Ùnjengosinga olubomvu umlomo wakho;
Ukuthetha kwakho kumnandi.
Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho
Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.
4Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi,
Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe,
Onke amakhaka amagorha.
5Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi,
Esidla phakathi kweenyibiba.
6Ide iphole imini, oluke amathunzi,
Ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore,•
Nasendulini yentlaka emhlophe.
7Ùyinzwakazi kwaphela, wethu;
Akukho siphako kuwe.
8Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi,
Yiza sihle eLebhanon;
Ufike ubonisele encotsheni yeAmana,
Encotsheni yeSenire neHermon,
Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe.
9Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi;
Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye,
Ngamrhukane mnye wesambalo sakho.
10Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu, mtshakazi!
Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini,
Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!
11Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi;
Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho.
Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.
12Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi;
Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.
13Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu,
Ikofere• kunye nenadusi;•
14Inadusi nesafron,•
Ikalamo• nesinamon,• kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe,
Imore nehaloti,• kunye nobulawu bonke obuyintloko.
15Ùliliso lomthombo lasemiyezweni,
Iqula lamanzi aphilileyo,
Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.
16Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi:
Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo.
Mayingene intánda yam emyezweni wayo,
Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.
Currently Selected:
INGOMA YAZO IINGOMA 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: