INGOMA YAZO IINGOMA 7
7
1Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene!
Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga,
Umsebenzi wezandla zengcibi.
2Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila;
Masingasweli iwayini ephithikeziweyo;
Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa,
Sibiyelwe ngeenyibiba.
3Amabele akho amabini anjengamankonyana ebhadi,
Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.
4Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu;
Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon,
Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi;
Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon
Ebheke eDamasko.
5Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele,
Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa;
Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.
6Azi ùmhle, azi ùmnandi,
Luthando, eziyolweni!
7Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu;
Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.
8Ndathi, Ndiya kumínya emthini wesundu;
Ndiya kubambelela emagqabini awo;
Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya,
Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;
9Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo,
Ihla kamnandi kwintánda yam,
Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.
10Mna ndingowentánda yam,
Kukum ukungxamela kwayo.
11Hamba, ntánda yam, siphume siye emaphandleni,
Silale emizaneni.
12Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni,
Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na,
Imirharnate ityatyambile na.
Ndokunika apho izincokoliso zam.
13Amathuma apha anevumba;
Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala,
Endiziqwebele wena, ntánda yam.
Currently Selected:
INGOMA YAZO IINGOMA 7: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.