UZEKARIYA 11
11
Abalusi abakhohlakeleyo bakaSirayeli
1Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare• yakho. 2Bhomboloza, msipres,• ngokuba kuwé umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki• yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo. 3Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!
4Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo; 5obathengi bawo bawubulalayo, bathi àbanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo àbawucongi. 6Ngoku ba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.
7Ndawalúsa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi. 8Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalúsa ke umhlambi. Ndabetha bathi shwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo. 9Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.
10Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke. 11Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli. 12Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere. 13Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingenganganí, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova. 14Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.
15Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane. 16Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo. 17Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.
Currently Selected:
UZEKARIYA 11: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: