UZEKARIYA 9
9
Ukugwetywa kweentlanga ezingabamelwana
1Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli; 2kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.
3ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato. 4Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo. 5IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa. 6Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti. 7Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi. 8Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.
Ulawulo oluxolileyo loKumkani weZiyon
9Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilùngisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi yeesile. 10Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo• luse eziphelweni zehlabathi. 11Nawe, ngenxa yegazi lomnqophiso wakho, ndiyabandulula ababanjiweyo bakho, baphume emhadini ongenamanzi.
Intsikelelo yeNkosi kuYuda nakuSirayeli
12Buyelani enqabeni, babanjwandini banethemba; nanamhla ndiyaxela, ndithi, Ndiya kukubuyisela ngokuphindiweyo. 13Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan,• ndikwenze ube njengekrele legorha. 14UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi. 15UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo. 16Wóbasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi; ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe. 17Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.
Currently Selected:
UZEKARIYA 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: