UMSEBENZI WABATHUNYWA 10
10
UPetros noKorneli
1EKhesariya kwakukho umphathi-butho wamajoni aseRoma ogama linguKorneli. Umkhosi wakhe kwakusithiwa ngowaseItali. 2Yena nosapho lwakhe babengabantu abamnqulayo bemhlonela uThixo. Wayengumntu onezinwe, ewanceda amaJuda ahlelelekileyo, ethandaza rhoqo kuThixo. 3Ngenye injika-langa kwisithuba sentsimbi yesithathu, waba nombono, wasibona ngokucacileyo isithunywa sikaThixo singena sisithi kuye: “Korneli!”
4Wasiqwalasela enoloyiko, wathi: “Yintoni, Nkosi?”
Saphendula sathi: “UThixo uyamkele imithandazo nemisebenzi yakho yesisa; akazange wakulibala. 5Ngoku ke thuma amadoda eJopa, kumntu othile ogama linguSimon Petros, 6olundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.” 7Sakumka isithunywa eso, uKorneli wabiza izicaka zakhe ezibini, kunye nejoni elalimhlonela uThixo, elalingumlindi wakhe. 8Wabachazela konke okwakumhlele, waza wabathuma eJopa.
9Ngomhla olandelayo, xa babesendleleni, besondela eJopa, uPetros uthe emini emaqanda waya kuthandaza phezu kwendlu kwindawo esabuvaranda. 10Wasuka walamba, wafuna into etyiwayo, kwathi besamlungiselela ukutya wabona umbono. 11Wabona izulu livulekile, kusihla into engathi lilaphu elikhulu libanjwe ngamasondo omane, lisiza emhlabeni. 12Kulo kwakukho zonke iintlobo zezidalwa ezingatyiwayo ezizitho zine, ezirhubuluzayo, nezibhabhayo. 13Weva ilizwi lisithi kuye: “Vuka, xhela utye, Petros.”
14Waphendula wathi: “Nkosi, ngunotshe lowo! Mna andizange ndiyitye into engatyiwayo.”
15Laphinda ilizwi elo lavakala kuye lisithi: “Musa ukuthi ayityiwa into athi uThixo iyatyiwa.” 16Le nto yenzeka kwada kwakathathu, laza ke ilaphu elo lanyuselwa ezulwini.
17Ngoku asamangalisiweyo yena uPetros ukuba ngaba yintoni na intsingiselo yalo mbono, wona amadoda athunywe nguKorneli ayesede awufumana umkhondo wendlu kaSimon, selemi esangweni. 18Abuzisa ukuba ngaba akukho mhambi ugama linguSimon Petros na apho.
19UPetros yena wayesajika-jikana nalo mbono ukuva kwakhe uMoya oyiNgcwele esithi: “Phulaphula, nango amadoda amathathu ekufuna. 20Phakama uye kuwo la madoda, ungathandabuzi, uhambe nawo, kuba athunywe ndim.” 21Waya kuwo uPetros, wafika wathi: “Ndim lo nimfunayo. Ngaba nindifuna ngani?”
22Wona aphendula athi: “Sithunywa yiNkosi yethu uKorneli, oyindoda elungileyo emhlonelayo uThixo, ehlonitshwayo nangamaJuda. Uxelelwe sisithunywa sikaThixo ukuba makakubize uye endlwini yakhe, ukuze eve loo nto uya kumxelela yona.” 23Wangena nabo endlwini uPetros, baza balalisa apho ngaloo mini.
Ngosuku olulandelayo wahamba nawo la madoda kunye namanye amakholwa aseJopa. 24Ngengomso wagaleleka eKhesariya, apho wafika elindelwe nguKorneli nezizalwana nezihlobo zakhe ezisenyongweni. 25Xa angenayo uPetros, uKorneli wazikhahlela phambi kwakhe, 26kodwa uPetros wamphakamisa wathi: “Hayi, ndingumntu nje nam; musa ukwenjenjalo.” 27UPetros wayethetha noKorneli ekungeneni kwakhe endlwini, apho wafika kubuthelene abantu abaninzi. 28Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga. 29Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?”
30Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam, 31wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa. 32Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’ 33Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”
Intetho kaPetros kwaKorneli
34UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu. 35Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye. 36Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke. 37Niyasazi isiganeko esenzekayo kulo lonke elakwaJuda, ukuqalela eGalili, emva kokushumayela kukaYohane ngobhaptizo. 38Nivile ngoYesu waseNazarete owathanjiswa nguThixo ngoMoya oyiNgcwele waba namandla. Wayehamba kulo lonke, esenza okulungileyo, ebaphilisa bonke ababephantsi kwamandla omtyholi, kuba uThixo wayenaye. 39Thina singamangqina ako konke awakwenzayo eJerusalem nakwelamaJuda. Bambulala ngokumbethelela emnqamlezweni, 40waza uThixo wamvusa ekufeni ngosuku lwesithathu. 41Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni. 42Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. 43Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”
Iintlanga zamkela uMoya oyiNgcwele
44Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule. 45AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga, 46kuba baziva zithetha ngalwimi zimbi, zidumisa uThixo. UPetros wathetha wathi: 47“Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.” 48UPetros ke ngoko wathi mababhaptizwe egameni likaYesu Krestu. Ke yena bamcela ukuba akhe ahlale nabo iintsukwana.
Currently Selected:
UMSEBENZI WABATHUNYWA 10: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.

: