UISAYA 22
22
Udaba olungeJerusalem
1Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neJerusalem, iNtili yeMibono:
Khanitsho! Kwenzeka ntoni kanye?
Ngani niphezu kwezindlu nje?
2Kutheni kuyimikhwazo nje esixekweni?
Uthetha ntoni lo mbhiyozo wenu?
Sesani isiphithi-phithi nengxokozelo?
Ewe, amagorha enu ahambile,
kambe ke akafelanga dabini.
3Kaloku iindwalutho zenu zasik' umoya;
ngenene zibaleke zingakhange zaxhathalaza.
Nithinjwe ningalekuzanga noku kukanye;
suka nafulathela ningenawo nomkrwelo.
4Yiyo loo nto ndisuke ndathi:
“Bhekelani phaya; mkani kum!
Ndiyekeni nditshw' esikrakra ngenxa yabam abahambileyo.
Sukani kum; kahleni ngentuthuzelo!”
5Liyeza ithuba leNkosi *uNdikhoyo onamandla onke,
ithuba lokuphakuzela nokujokwa;
umhla wesiphithi-phithi.
Kuya kuba njalo ke kwiNtili yeMibono.
Suka yangugiqe-giqe esixekweni,
iindonga zenz' ubutyobo, gcimfi-gcimfi!
Zatsho kwahlahlamba izikhalo zabazibikayo;
ewe, neentaba zivile zatsho zaphendula!
6Atsho abophelela amafa-nankosi ase-Elam,
eza selegqabadula ephalisa;
ingezontolo, ef' amacala zizixhobo!
Kaloku namaKiri awabambil' amakhaka;
ewe, selechophile elindel' uphakathi.
7Ke yona loo ntili entle kunene kaJuda,
kanye le yendyebo, ibizama-zama,
kungeyonqwelo, kuyinto nje!
Amajoni amahashe selengxangile
ethe xhonkxosholo kumasango eJerusalem.
8Suka ke yangufohle-fohle novithe-vithe;
kaloku amaxhadi kaJuda afadalele!
Kuthe ke kwakuba nje
suka nina naya kulanda izixhobo
phaya eBhete-yahare.
9Nasibona isixeko sikaDavide,
nâso siphanjwe ziintanda.
Nagcina amanzi kwiqula elingezantsi,
10nazijonga izakhiwo zaseJerusalem,
suka nazichitha ezinye zazo
ukuze nilungise ngazo udonga lwesixeko.
11Apha ngaphakathi esixekweni
nakha iqula elinguvimba,
nisenzela ukulondoloza amanzi
lawo aphuma kweliya lidala.
Kambe ke kuyo yonke loo nto
tu ukuziduba ngalowo ungumcwangcisi –
animkhathalelanga lowo wayisekayo kwamandulo.
12Ngelo thuba iNkosi uNdikhoyo onamandla onke
uthe efuna nihlahlambe nitshw' esikrakra,
xa ebesithi niza kugugula nitsho ngezokuzila.
13Suka nina naguya nabhiyoza,
naxhela zigusha zinkomo kwanjeya;
natya nenyama, nalebela ngotywala, nisithi:
“Masonwabe sitye sisele;
ikakade siyafa ngomso!”
14UNdikhoyo uSomandla-onke uthethe nam wathi:
“Ngenene obu bubi abuyi kuxolelwa.”
Ewe, ufunge wathi kode kufiwe kunjalo.
Utshilo ke uMhlekazi uNdikhoyo uSomandla-onke!
Isilumkiso kuShebhena
15Ke iNkosi *uNdikhoyo uSomandla-onke yandiyalela ukuba ndiye kuShebhena, usomaqhuzu wakomkhulu, ndifike ndithi kuye: 16“Uyintoni apha? Khona ulithatha phi ilungelo lokuzikrolela ingcwaba kule nduli inezawana? 17Ingade ibe ngathi usisikhulu, kodwa yena uNdikhoyo uya kusuka akuthi hlasi, akulahle kude. 18Ewe, uya kukuthatha ube ngathi uyibhola, akutshukutshele kwilizwekazi elikhulu. Uya kufela ngakwezi nqwelo uzidla ngazo, ntondini ihlazisa umzi wenkosi yayo! 19UNdikhoyo uza kukukhiqa kwesi sihlalo ukuso, utsho uwe bhaxa.”
20INkosi yaqhuba yathi: “Kuya kuthi ke kwakuba kunjalo, ndibize isicaka sam uEliyakim unyana kaHilekiya. 21Ndiya kuwunika yena umnweba osisivatho sakho, ndawonye nebhanti obhinqa ngayo, nawo onke amagunya onawo. Ke yena uya kuba nguyise kubantu baseJerusalem nabakwaJuda. 22Yena ndiya kumnika lonke ulawulo kumzi kaDavide. Ngenene uya kuba ngunozitshixwana, abe yinqwayi-ngqwayi evula kungavali mntu, into evala kungabikho mntu unokuvula. 23Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo. 24Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”
25Ewe, uNdikhoyo onamandla onke wathi: “Kuya kuthi kwakuba njalo isikhonkwane ebesiqinile sitsho sixenga-xenge side siwe. Eso ke iya kuba sisiphelo sayo yonke into ejinga kuso.” Kaloku uthethile uNdikhoyo.
Currently Selected:
UISAYA 22: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.