UISAYA 24
24
Ihlabathi liza kohlwaywa
1*UNdikhoyo uza kulibharhis' ihlabathi;
uya kubetha kutsho kube senkangala;
uya kulitsho lenz' uqulukubhode,
abemi balo bona babe ziintsali.
2Akayi kukhetha bani;
kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.
Kofana kumbingeleli nakwibandla,
ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;
kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,
kumthengi nakulowo uthengisayo;
kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,
kwizityebi nakwabo balambileyo.
3Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;
liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.
4Nâlo ihlabathi lirhawuka, litshaza.
Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;
isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.
5Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;
ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.
Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,
baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.
6Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,
nabemi balo ke libambethe ityala.
Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;
ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.
7Izidiliya nazo ke zitshazile,
newayini ke itsho yanqaba;
ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.
8Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,
imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,
ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.
9Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;
ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.
10Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;
iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.
11Ezitalatweni phaya balilela utywala;
imivuyo yabo ijike yakukudakumba;
imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.
12Isixeko ngoku sisele singamabobosi,
nesango likroboke lavuthuluka.
13Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;
nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:
koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,
ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.
14Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;
entshona baya kuduma bakhahlele
ngenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;
bothi: “Bayethe!”
15Nina basempuma, yitshoni ngendumasi;
nani baselunxwemeni, dombozani nibonge uNdikhoyo;
ewe, mdumiseni uThixo kaSirayeli.
16Ingoma yezibongo ivakala eziphelweni zehlabathi:
“Hayi, ubungangamsha baLowo ulilungisa!”
Athi ke mna – kuxa bendiyintoni na kakade!
Ewe, kunyembelekile, akukho yam kwaphela!
Abangcothozi bona benza ngokungcothoza;
ngokungcatsha kwabo abangcatshi bayangcotsha.
17Yeha ke nina, bemi bahlabathi,
anikho kukunkwantya imigibe nenzonzobila!
18Nobenevuso wasaba kuba esoyika;
woth' esabaleka eyele enzonzobileni.
Omnye wogwencel' aphum' emhadini,
suka ke arhintyelwe zizabatha.
Kaloku amazul' ayivulele imvula,
zatsho zangcangcazela iziseko zehlabathi.
19Ngenene ke ihlabathi lona livikivekile;
ewe, nangoku ke liqhaqhambile,
linyikime lachachamba laboko-boko.
20Ihlabathi ke logxadazela njengenxila;
lophephuka okwephempe mhla ngomoyakazi.
Ihlabathi liyasindeka zizono zalo;
losuka lithi folokohlo kube sisiphelo eso.
21Ngaloo mhlandini ke uNdikhoyo uya kohlwaya,
athi ekwiinginginya zasemazulwini ezulwini phezulu,
abe ekwizikumkani zezizwe ehlabathini phantsi.
22Zoba lugxudululu kunye ndawonye
njengamabhantinti kwamnyama-ndawo esiseleni,
wona anyathelana phakath' entolongweni,
de kube ziintsuku zamkele isohlwayo.
23Nyangandini ke yona yombatsha igqubuthele,
nelanga life ziintloni litsho lizile,
kuba uNdikhoyo uSomandla-onke elawula,
ethe zava kwintaba iZiyon eJerusalem,
ubuqaqawuli bakhe buthe tha kumadod' amakhulu.
Currently Selected:
UISAYA 24: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.