Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 3
3
1Ngokunjalo, nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda; ukuze ke, ukuba kuko angalivayo ilizwi, azuzwe ngokumila kwabafazi bawo kungeko ukuteta; 2akubonela ukumila kwenu okucokisekileyo kunokuhlonela. 3Abakuhomba makungabi koko kungapandle, njengokwokupota inwele, nokwokufaka igolide, nokwokwambata izivato; 4koko makube ngumntu ositeleyo wentliziyo, ngokuhomba okungonakaliyo kwomoya olulamileyo nozolileyo, olixabiso elikulu ebusweni bukatixo. 5Ngokuba bebefudula besenje njalo nabafazi abangcwele, abebetemba kuye utixo, ukuzihomba kwabo, belulamela kwawabo amadoda: 6njengokuba u‐Sara wamvayo u‐Abrahame, embiza ngenkosi; enizintombi zake nina, nakuba nisiti nikwenze okulungileyo, ningoyiki nasinye isituso.
7Ngokunjalo, nina madoda! hlalani nabo ngokufanelene nokwazi, ninike umfazi imbeko njengokuba eyimpahla ebutataka ngakumbi, nanjengokuba nizindlalifa kunye zofefe lwobomi, ukuze imitandazo yenu ingabi nakutintelwa.
8UKUPELA ke, yibani nonke nivumelana, nivelana ngobubele, nitandana njengabazalwana, ninenceba, ninobuhlobo: 9ningapindezeli ngobubi ngenxa yobubi, umhlaumbi ngokutuka ngenxa yokutuka; kodwa ngelinye icala nitamsanqelisa; nisazi nje ukuba nabizelwa kwa oku, ukuze nizuze itamsanqa. 10Ngokuba onxamela ukutanda ubomi, nokubona imihla elungileyo, makapezise ulwimi lwake kokukohlakeleyo, nomlomo wake ukuba ungateti inkohliso: 11makapepe okukohlakeleyo, enze okulungileyo; makafune uxolo, aluputume ke. 12Kuba amehlo kayehova epezu kwabalungisayo, nendlebe zake zibekelwa ukukunga kwabo: kodwa ubuso bukayehova bungakubo abakwenzayo okukohlakeleyo.
13Ngubanina ke oya kunenza ububi, xeshekweni ningabalandeli bokulungileyo? 14Koko nokuba ningaba nisiva intlungu ngenxa yobulungisa, ninetamsanqa ke. Ize ningoyiki ngokwoyika kwabo, ningaxaliswa kanjako; 15kodwa uyehova utixo mngcwaliseni ezintliziyweni zenu. Kanjalo hlalani nilungele ukunika impendulo kubo bonke abalibizayo kuni ituba letemba elipakati kwenu ngokululama nangokuhlonela: 16ninaso isazeliso esilungileyo; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, badaniswe abo bakuxokayo ukumila kwenu okulungileyo ku‐Kristu. 17Ngokuba kulungile ngakumbi ukuba niti, yakutanda intando katixo, nive intlungu ngokwenza okulungileyo, ngapezu kwokuba nive intlungu ngokwenza okukohlakeleyo.
18Ngokuba no‐Kristu weva intlungu kwa kanye ngenxa yezono, olungileyo evela abangalungileyo, ukuze asizise kutixo, efisiwe inyama nje, kodwa epilisiwe ngomoya; 19okungaye kanjako waya washumayela komoya abasekuvalelweni, 20bakuba fudula bebengenakuva, oko kube kulinda ukuzeka kade kukatixo emihleni ka‐Nowa, nxa inqanawa ibilungiswa, okukuyo imipefumlo emincinane, oko kukuti esibozo, yasindiswa icanda amanzi: 21okuti okufanekiselwa ngawo kusisindise kaloku nati, kwa ubapitizesho, (kungekukususwa kwokunco̔la kwenyama, kukupendula kwesazeliso esilungileyo ngakuye utixo,) ngako ukuvuka kwake u‐Yesu Kristu; 22oba ngasekunene kwotixo, eyile ezulwini; ingelosi, nabanegunya, nabanamandla, bebekiwe pantsi kuye.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: