Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 11
11
1AKWABA niyandinyamezela kancinane ebudengeni‐bam! ewe, kenindinyamezele. 2Ngokuba ndinobukwele pezu kwenu ngobukwele bukatixo: ngokuba ndinendisele kwindoda inye, ukunimisela ku‐Kristu njengentombi ipela ecokisekileyo. 3Kodwa ndiyoyika, hleze kungati, njengokuba yona inyoka yamlukuhla u‐Eva ngobuqokolo bayo, kwa njalo inkumbulo zenu zonakaliswe zipanjukiswe kulo ulungelelwano olungakuye u‐Kristu. 4Ngokuba lowo uzayo ukuba uyashumayela omnye u‐Yesu esingashumayelanga yena, umhlaumbi ukuba niyamkela umoya wumbi eningamkelanga yena, umhlaumbi ivangeli yimbi eningamkelanga yona, beningalungisayo ukunyamezela. 5Ngokuba nditelekelelisa ukuba andincipekile nganye into kubo abobapostile abagqitisileyo ngobukulu. 6Kodwa nokuba ndingongenabuciko ekuteteni, andinjalo ekwazini; koko kuko konke sibonakalisiwe kuni ezintweni zonke.
7Ndenza isono kusinina ekuzitobiseni kwam ukuze nipakanyiswe nina, ekubeni ndayishumayela kuni ivangeli katixo ndingabizi nto? 8Ezinye iṙemente ndazipanga, nditabatile nje umvuzo kwa kuzo, kuze kukonzwe nina. 9Naxeshekweni bendiko kuni, ndaza ndaswela, ndibe ndingengumtwalo kumntu namnye: ngokuba intswelo zam bazenzelela abazalwana bakuvela e‐Masedoniya; ewe ezintweni zonke ndazigcina ndingabi bunzima kuni, ndandiya kuzigcina njalo kanjako. 10Inyaniso ka‐Kristu iko kum nje, ukuqa̔yisa oku akuyi kundivingcelwa emazweni ase‐Akaiya! 11Nganina? ngokokuba ndinganitandi na? Utixo uyazi. 12Kodwa oko ndikwenzayo, kwa kona ndiya kukwenza, ukuze ndibanqamle ituba abo bafuna ituba; ukuze bati entweni baqa̔yisa ngayo, bafunyanwe bekwa njengati. 13Ngokuba abanjalo bengabapostile ababuxoki, abasebenzi abanenkohliso, bezenza ngakumbi babe nesimilo sabapostile baka‐Kristu. 14Asi yinto yokutelwa nqa kanjalo: ngokuba kwa yena u‐Satane ezenza ngakumbi abe nesimilo sengelosi yokukanya. 15Asi yinto enkulu ngoko, ukuba abakonzi bake nabo bayazenza ngakumbi babe nesimilo njengabakonzi bobulungisa; abasipelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.
16Nditi kanjako: Makungabiko mntu oba ndisisidenge; kodwa ukuba noba ndinjalo, ndamkeleni ke noko kwa njengesidenge, ukuze ndike nditi nam ndiqa̔yise kancinane. 17Oko ndikutetayo, andikuteti ngo kwenkosi, koko ndikuteta njengasebudengeni, kokukwomelela kwokuqa̔yisa. 18Ekubeni abaninzi baqa̔yisayo ngokwenyama, ndiya kuqa̔yisa nam. 19Ngokuba ninyamezela izidenge ngokuvuya, nina nizizilumko nje. 20Ngokuba ninyamezela, akuti umntu anifake ebukobokeni, akuti umntu anidle, akuti umntu anibambe, akuti umntu azipakamise, akuti umntu anibete ebusweni. 21Nditsho ngokwendeleko, njengokungati sibe sibutataka tina. Kodwa into asukuba umntu enokukalipa ngayo, (ndiyateta ngobudenge,) ndinokukalipa kwa nam. 22Bangama‐Hebere na? ndinjalo nam. Bangama‐Sirayeli na? ndinjalo nam. Bayinzalo ka‐Abrahame na? ndinjalo nam. 23Bangabakonzi baka‐Kristu na? (nditeta ndihiliza nje,) ndinjalo mna ngokupezulu: ndisemizanyweni kakulu ngakumbi, ndinemivimbo ngento epezu kwembaliso, ndisezintolongweni kakulu ngakumbi, kufuti ndisekufeni: 24kuma‐Juda ndati kahlanu ndamkela imivimbo engamashumi mane kuyekwa mnye; 25ndabetwa ngentonga katatu; ndagityiselwa ngamatye kanye; ndapukelwa yinqanawa katatu; ndenze ubusuku nemini enzulwini yolwandle: 26ngokuhamba futi; ngengozi ngemilambo, ngengozi ngamabada, ngengozi zivela kwisizwe sakowetu, ngengozi zivela kubaheyideni, ngengozi esixekweni, ngengozi entlango, ngengozi elulwandleni, ngengozi pakati kwabazalwana ababuxoki: 27ekuzameni nasekudinisweni, ekupapameni futi, ekulambeni nasekunxanweni, ekuzileni ukutya futi, engqeleni nasebuzéni. 28Kungeko ezozinto zingapandle, kuko ukuxinwa endinako imihla ngemihla, ukukatalelwa kweremente zonke.
29Ngubanina obutataka, ndize ndingabi butataka na mna? Ngubanina oxakaniswayo, ndize ndingatshi na kwa mna? 30Ukuba ndifanele ukuqa̔yisa, ndiya kuqa̔yisa ngezinto zobulwelwe bam. 31Yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, odumisekayo kude kube ngunapakade, uyazi ukuba andixoki. 32E‐Damakusi inkosi yabantu ngapantsi kwake u‐Areta ukumkani ibilinda isixeko sama‐Damakusi ifuna ukundibamba; 33ndaza ndahliswa ngesituba engobozini ngodonga, ndasinda ezandleni zayo.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: