Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2
2
1NGOKUBA ndifuna ukuba nikwazi ukulwa okukulu kangakanana endinako ngenxa yenu, nabo abase‐Lawodikeya, nabo bonke abangabonanga ubuso bam enyameni; 2ukuze intliziyo zabo zonwatyiswe, bebandakanywa elutandweni nje, nakude kube bubo bonke ubutyebi bengqiniso ezalisekileyo yengqondo, kude kube kukwaziwa kwemfihlakalo yake utixo noyise, neka‐Kristu; 3okukoyo kuye zonke indyebo zobulumko nezokwazi zifihlekile. 4Kekaloku oku ndiyakutsho, ukuze kungabiko onibukuqayo ngokuteta okuhendayo. 5Ngokuba nangona ndingeko ngenyama, ndiko nani noko ngomoya, ndivuya nje ndibona nokubona ukulungelana kwenu, nokuti nqi kwenkolo yenu ku‐Kristu. 6Njengokuba ngoko benimamkele u‐Kristu Yesu oyinkosi, kwa njalo hambani kuye: 7nendele nisakelwa nokwakelwa kuye, niqiniswa kanjalo elukolweni, kwa njengokuba nibe nifundiswa, nikolisa ukwanda kulo ngombulelo.
8Lumkani kungabiko mntu oya kutimba nina ngayo ifilosofe nenkohliso engendawo, ngokwesinikelo sabantu, ngokweziqalelo zelizwe, kungengokuka‐Kristu. 9Ngokuba kuye kuhleli bonke ubuzala bobutixo busemzimbeni. 10Kanjalo nizalisekile kuye; oyintloko yabo bonke ubupati negunya; 11okuye kanjako nibe nalukile ngokwaluka okungenziwanga ngezandla, ekutulweni kwomzimba wezono zenyama, ekwalukeni kuka‐Kristu; 12nincw̔atyiwe nje kunye naye ekubapitizeshweni, okuko kanjako nibe nivuswa kunye naye ngalo ukolo lwokusebenza kukatixo, owamvusayo kwabafileyo. 13Nani nifile nje eziposweni zenu nasekungalukini kwenyama yenu, wanipilisa kwa kunye naye, enixolele zonke iziposo zenu; 14esicimile isiba̔lo siteta ngakuti ngemimiselo yaso, esibe sica̔sana nati, waza wasisusa endleleni, esibetele ekuruseni yake; 15wati ebahlubile nje abanobupati nabanegunya wenza isibonelo ngabo kwa sekuhleni, ebavuyelela kwa kuyo.
16Makungabiko mntu ngoko onigwebayo ekutyeni, imhlaimbi ekuseleni, imhlaimbi endaweni yomtendeleko, imhlaimbi yenyanga etwasileyo, imhlaimbi yesabata; 17ezisisitunzi sezinto eziza kuza, kodwa wona umzimba ungoka‐Kristu. 18Makungabiko namnye onilahlekisana nomvuzo wenu, efuna ukwenje njalo ekutobekeni kwentliziyo nasekubedeshweni kwazo ingelosi, ehlola izinto angazibonanga, efumana evutelaniswa luluvo lwenyama yake, 19engabambeleli koyintloko kanjalo, okuye uti umzimba wonke, usongiwa ubandakanywa nokubandakanywa ngawo amalungu nemisipa, ukule ngenkuliso katixo.
20Ukuba ngoko nafa kunye no‐Kristu nahlukana nazo iziqalelo zelizwe, yinina ukuba niti, njengokungati nibe nihlala elizweni, nizibeke ngapantsi kwemimiselo, — 21Ningapati, ningake nive, ningacu̔kumisi kanjako, 22(izinto ezizezokutshatyalaliswa zonke ekugqityelweni kwazo,) — ngokweziyalelo nezifundiso zabantu? 23Eziti ezonto zinodumo lwokuba zibubulumko, ekubedesheni okuzenzayo, nasekutobekeni kwentliziyo, nasekubandezelweni kwomzimba, kungekwinto enobomi, ziyelela ukudikwa kwenyama.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: