Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 4
4
1Nina zinkosi! yenzelani amakonza enu oko kufanelekileyo noko kulingeneyo; nisazi nje ukuba nani ninayo inkosi ezulwini.
2Zingisani ekutandazeni, nilinda nje kuko ngombulelo; 3nitandaza kunye nako oko nangenxa yetu, ukuba utixo asivulele ucango lwelizwi, size siyitete imfihlakalo ka‐Kristu, endisekubanjweni ngenxa yayo kanjalo; 4ukuze ndiyibonakalise, njengoko ndifanele ukuteta ngako.
5Hambani ngobulumko ngakubo abapandle, nizitengela ituba nje. 6Ukuteta kwenu makube ngofefe ngamaxesha onke, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuba nifanele ukuti nina ukupendula bonke abanye ngabanye.
7ZONKE indawo zam uya kunazisa zona u‐Tikikusi, ongumzalwana otandiweyo, nomkonzi onyanisekileyo, nesicaka kunye nam enkosini: 8endimtumele kwa yona lento kuni, yokuba aqonde okwenu, azonwabise intliziyo zenu; 9kunye no‐Onesimusi, umzalwana wetu onyanisekileyo notandiweyo, ongowakowenu. Baya kunazisa konke okwalapa.
10U‐Aristariko, umbanjwa kunye nam, uyanibulisa; kwa no‐Maraki, isalamane sika‐Banabasi, enaniyamkele imiyalelo ngaye; (xeshekweni ezayo kuni, mamkeleni;) 11no‐Yesu, o‐kutiwa ngu‐Yusitusi, abangabo basekwalukeni. Aba bodwa bangabasebenzisi bam ngasebukumkanini bukatixo, abate baba sisonwabiso kum. 12U‐Epafrasi, ongowakowenu, isicaka sika‐Kristu, uyanibulisa, enizamela kakulu ngamaxesha onke emitandazweni yake, ukuba nime nifezekile nizalisekile kuyo yonke intando katixo. 13Ngokuba ndimnqi̔nela ukuba unozondelelo olukulu ngenxa yenu, nabo base‐Lawodikeya, nabo base‐Herapolisi. 14U‐Luke, igqiṙa elitandiweyo, uyanibulisa; Kwa no‐Demasi.
15Bulisani abazalwana abase‐Lawodikeya, no‐Nimfasi, neṙemente esendlwini yake. 16Naxeshekweni incwadi le ileseshiwe pakati kwenu, yenzani ukuba ileseshwe naseṙementeni yama‐Lawodikeya, nokuba nani niyileseshe leyo ivela e‐Lawodikeya. 17Kanjalo yitini kuye u‐Arikipo: Lumkela ubukonzi owabubamkela enkosini, ukuba ubufeze.
18Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla. Kumbulani imibambo yam. Ufefe malube nani. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: