Umshumayeli 9
9
1Ngokuba konke oku ndikubekele intliziyo yam, ndakulinga konke oku, ukuba abalungileyo nabalumkileyo, nemisebenzi yabo, basesandleni sikatixo: akuko mntu owaziyo utando notiyo; konke kupambi kwabo; 2konke njengokuba kupambi kwabo bonke: kuko isihlo sinye kolungisayo, nakokohlakeleyo; kolungileyo nakongcwengileyo, nakonco̔lileyo; kowenza amadini, nakulowo ongenzi amadini: njengokuba enjalo olungileyo, unjalo owonayo; ofungayo unjengalowo owoyikayo isifungo. 3Oku kubububi pakati kwako konke okwenziwayo ngapantsi kwelanga, ukuba kuko isihlo sinye kubo bonke: ewe, nakuba intliziyo yonyana babantu izele bububi, nobugeza busentliziyweni yabo nxa bahleliyo, boti noko emva kwoko baye ekufeni; 4ngokuba ngubanina lowo uketiweyo? Kubo bonke abahleliyo kuko itemba; ngokuba inja ehleliyo ilungile pezu kwengonyama efileyo. 5Ngokuba abahleliyo besazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo abazi nanto; akuseko kubo namnye umvuzo, ngokuba inkunjulwa yabo ilityelwe. 6Kanjako utando lwabo, notiyo lwabo, nobukwele babo, sebububile kade; akuseko kubo nasinye isahlulelwa kude kube ngunapakade, kuko konke okwenziwayo ngapantsi kwelanga.
7Hamba, yitya isonka sako ngovuyo, usele iveyine yako ngentliziyo ecwayitileyo; ngokuba kukade utixo ekolele izenzo zako. 8Ingubo zako mazibe mhlope ngamaxa onke; kanjalo ioli maingasweleki pezu kwentloko yako. 9Yidla ubomi kunye nomfazi omtandayo, yonke imihla yobomi bako obungendawo, obupiwe nguye ngapantsi kwelanga, yonke imihla yako engendawo: ngokuba oko kusisabelwa sako ekudliweni kwobomi, nasemzanyeni wako ozama ngawo ngapantsi kwelanga. 10Konke sikufumanayo ukukwenza isandla sako, ukwenze ngamandla ako; ngokuba kungeko msebenzi, naqinga, nakwazi, nabulumko, ehadesi, apo uya kona.
11NDABUYA ndabona ngapantsi kwelanga, okokuba ukubaleka asi kokwabanamendu, nokuba ukulwa asi kokwamaṙoti, nokuba kanjalo ukutya asi kokwabalumkileyo, nokuba kanjalo ubutyebi asi bobabaqondayo, nokuba kanjalo ufefe asi lolwezazi: okokuba ixesha nebaqo lihlela bona bonke: 12okokuba kanjako akuko mntu olazi ixesha lake; njengentlanzi eziṙintyelwayo elutanjeni olubi, nanjengentaka eziṙinciswayo emgibeni, njengezi bayatiyelwa onyana babantu ngexesha lelishwa, nxa libazumayo.
13Obubulumko nabo ndibubonile ngapantsi kwelanga, obanga bukulu kum: 14Bekuko isixeko esincinane, namadoda akuso abelula; kwaye kusiza kuso ukumkani omkulu, wasiṙaula, wazaka inqaba ngakuso. 15Kwaza kwafunyanwa kuso ihlwempu elilumkileyo, elasindisa isixeko eso ngobulumko balo; kodwa akwabiko mntu owakumbula elohlwempu. 16Ndati ngoko: Ubulumko bulungile pezu kwamandla; noko ke ubulumko behlwempu buyadelwa, namazwi alo akaviwa.
17Amazwi abalumkileyo ayaviwa ngokwonwaba, ngapezu kwomemezo lwompati pakati kwezidenge: 18ubulumko bulungile kwizixo̔bo zemfazwe: kodwa umoni mnye uyabubisa into eninzi yokulungileyo.
Currently Selected:
Umshumayeli 9: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: