I‐Kesodusi 15

15
1WANDULA wavuma u‐Mosesi, kwa nosapo luka‐Sirayeli, lengoma kuyehova; baye besitsho nkuti:
Ndovuma kuyehova, ngokuba epakanyisiwe ngento ebungcwalisa. Ihashe nomkweli walo ubaposele elwandle.
2 Uyehova uludumiso lwam neculo lam; ude waba lusindiso kum: lo ungutixo wam, ndiya kumbonga; ngutixo kabawo, ndiya kumdumisekisa. 3Uyehova uliṙoti lemfazwe: nguyehova igama lake. 4Inqwelo zokulwa zika‐Faro nempi yake uzijulele elwandle; injengele zake ezidluliseleyo zintywilisiwe elwandle olubomvu. 5Inzulu zibagubungele; batshonele emazantsi njengelitye. 6Isandla sako sokunene, Yehova! sizukisiwe ngamandla; isandla sako sokunene, Yehova! silute gqobo utshaba. 7Ngobukulu besitomo sako ubacitile abo basukela ngakuwe; watuma umsindo wako, obubadla njengendiza. 8Ngomoya wempumlo yako afumbeka amanzi; imisinga yapakama njengemfumba; inzulu zajiyiswa embilini wolwandle.
9Lwati utshaba: Ndoputuma, ndofumana, ndowaba amaxo̔ba; umxe̔lo wam wozaliswa ngabo; ndiya kuṙola isiṙele sam: isandla sam sobagqogqa.
10Waqutisa ngomoya wako; ulwandle lwabagubungela; batshona njengelode emanzini amakulu. 11Ngubanina onjengawe pakati kwotixo, Yehova? Ngubanina onjengawe, uzukisekile ngobungcwele, usoyikeka ezindunyisweni, usenza okungummangaliso? 12Wolula isandla sako sokunene; wabaginya ke umhlaba. 13Wakokela ngobubele bako ababantu ubakululeyo; wabakapela ngamandla ako ekaya lako elingcwele.
14Intlanga ziya kuva, zibe nevuso; ututumelo luya kubamba abemi base‐Filistiya. 15Ziya kwandula zituswe inkosana zase‐Edome; abakulu base‐Mowabi kwobabamba ukungcangcazela; baya kunyibilika bonke abemi base‐Kanane. 16Kwobawela ukwoyika nokunkwantya; ngobukulu bengalo yako boti cwaka njengelitye; bade bagqite abantu bako, Yehova! bade bagqite ababantu ubatengileyo. 17Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lako, endaweni uyenzile ibe yeyokuhlala kwako, Yehova! kweyingcwele, Nkosi! ezite izandla zako zayiqinisa. 18Uyehova uya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade!
19Ngokuba bekungenile amahashe ka‐Faro, kunye nenqwelo zake zokulwa, nakunye nabakweli bake bamahashe, kulo ulwandle, waza uyehova wabuyisa amanzi olwandle pezu kwabo; kanti usapo luka‐Sirayeli beluhambile pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwolwandle.
20Waye u‐Miriyame, umprofitekazi, udade ka‐Arone, watabata intambula esandleni sake: aza apuma onke amankazana emva kwake, enentambula nemidudo. 21Wandula u‐Miriyame wapendula kuwo amadoda, ngokuti:
Vumani kuyehova, ngokuba epakanyisiwe ngento ebungcwalisa. Ihashe nomkweli walo ubaposele elwandle.
22Wada u‐Mosesi wandulula o‐Sirayeli elwandle olubomvu; baza bapumela ngasentlango ye‐Shure; bahamba intsuku zantatu entlango apo, bengafumananga manzi. 23Bati bakufika e‐Mara, bakohlwa kusela amanzi ase‐Mara, ngokuba ebeṙaṙa wona; ngako oko igama lalondawo labizwa ngokuti yi‐Mara#15:23 Oko kukuti: Ubuṙaṙa.. 24Baza abantu baṙoṙa ngaku‐Mosesi, besiti: Sosela nto nina? 25Wakala ke kuyehova; waza uyehova wambonisa umti, owati akuwuposa emanzini, amanzi asel’ eba mnandi. Apo ke wabenzela ummiso nesiko; nalapo wabalinga; 26wati: Xeshekweni uya kukutala ukupulapula ilizwi likayehova, lotixo wako, ukwenze okufaneleyo emehlweni ake, unikele imiyalelo yake indlebe, uyigcine yonke imimiso yake, andiyi kubeka pezu kwako nasinye kwezozifo ndizibekileyo pezu kwama‐Jipete: ngokuba mna ndi nguyehova okupilisayo.
27Baza bafika e‐Elime, apo kwakuko imitombo yamanzi ilishumi linamibini, nemiti yepalime imashumi asixe̔nxe: bati waca apo ke ngasemanzini.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 15: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena