I‐Kesodusi 26
26
1Kanjako itabanakele uya kuyenza ngeshumi lezikuselo zepotiweyo iqiya eshiceneyo, nezuluṙa nesimnyama, nesibomvu; uya kuzenza zinekerubime, ngesetyenzwa lencibi yokuluka. 2Ubude baso isikuselo sinye boba zikubite zimashumi mabini anesibozo, nobubanzi baso isikuselo sinye boba zikubite zine; zonke ezizikuselo zoba nomlinganiswa mnye. 3Esinye isihlanu sezikuselo sobandakanyiswa esinye kwesinye; nesinye isihlanu sezikuselo sobandakanyiswa esinye kwesinye. 4Wauya kwenza amasango ezuluṙa ngasempetweni wesinye isikuselo, ngasencameni, esibandakanyelweni; uya kwenje njalo nasempetweni wapandle wesikuselo, ekubandakanyweni kwesesibini. 5Wowenza amasango abe ngamashumi mahlanu kwesinye isikuselo, namasango akwa ngamashumi mahlanu uya kuwenza encameni yesikuselo esisekubandakanyweni kwesesibini: lamasango olungelelana elinye nelinye. 6Wowenza namakonxo egolide abe ngamashumi mahlanu, uze ubandakanyise izikuselo, esinye kwesinye, ngamakonxo lawo, ize ibe yitabanakele inye.
7Kanjalo uya kuzenza izikuselo ngoboya bebokwe, zibe yintente pezu kwayo itabanakele: zizikuselo ezilishumi linasinye oya kuzenza. 8Ubude baso isikuselo sinye boba zikubite zimashumi matatu, nobubanzi baso isikuselo sinye boba zikubite zine: ezizikuselo zolishumi linasinye zoba nomlinganiswa mnye. 9Wauya kubandakanyisa izikuselo ezihlanu zizodwa, nezikuselo ezitandatu zizodwa nazo; nesesitandatu isikuselo wosipindisa ngasebusweni betabanakele. 10Wowenza namasango abe ngamashumi mahlanu ngasempetweni wesinye isikuselo, wesangapandle ekubandakanyweni, namasango akwa ngamashumi mahlanu ngasempetweni wesikuselo esibandakanyana nesesibini. 11Wowenza namakonxo exina abe ngamashumi mahlanu, uze ungenise amakonxo lawo emasangweni, uyibandakanyise intente, ibe inye. 12Neliva eliseleyo ezikuselweni zentente, isiqingata sesikuselo esiseleyo siya kulembelela pezu kwelasemva icala letabanakele. 13Yikubite ngelinye icala, nekubite kwa ngelinye, kokuseleyo ebudeni bezikuselo zentente, eya kulembelela pezu kwamacala ayo itabanakele, ngelinye icala nangelinye, ize igujungelwe.
14Kanjalo woyenzela intente isigubungelo ngezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nesigubungelo esinye ngapezulu ngezintsu zamacelesi.
15Kanjako woyenzela itabanakele iplanke ngemiti yeshitime, zipakama. 16Boba zikubite zilishumi ubude beplanke nye, nobubanzi bayo iplanke nye yoba yikubite nesiqingata sekubite. 17Iplanke nye yoba nezibambelo zizibini, zicwangcisiwe esinye silunge nesinye: uya kwenje njalo kuzo zonke iplanke zetabanakele. 18Wauya kuyenzela itabanakele iplanke, zibe mashumi mabini iplanke kwelasesuyide icala ngasesuyide. 19Wozenza neziseko zesilivere zingamashumi mane ngapantsi kwazo iplanke zomashumi mabini; zibe ziziseko ezibini ngapantsi kwenye iplanke kuzo izibambelo zayo zozibini, neziseko ezibini ngapantsi kwenye iplanke kuzo izibambelo zayo zozibini. 20Nakwelesibini icala letabanakele, kwelasenode icala, kwobako iplanke zimashumi mabini: 21kwa neziseko zazo zesilivere ezimashumi mane; iziseko ezibini zingapantsi kwenye iplanke, neziseko ezibini zingapantsi kwenye iplanke. 22Necala lasemva letabanakele ngasentshonalanga wolenzela iplanke zibe ntandatu. 23Neplanke ezimbini uya kuzenzela amagumbi etabanakele, ecaleni lasemva. 24Zaziya kuhlanganiswa kunye ezantsi, kanjalo zohlanganiswa kunye napezulu, kuwo umsesane umnye: kwoba njalo ke kuzo zombini; zoba zezamagumbi omabini. 25Zoba ziplanke zisibozo, neziseko zazo zesilivere zoba ziziseko ezilishumi linesitandatu; iziseko ezibini zingapantsi kwenye iplanke, neziseko ezibini zingapantsi kwenye iplanke.
26Kanjako uya kuyenza imivalo ngemiti yeshitime; ibe mihlanu eziplankeni zelinye icala letabanakele, 27nemihlanu imivalo eziplankeni zelinye icala letabanakele, nemihlanu imivalo eziplankeni zecala letabanakele, zecala lasemva ngasentshonalanga. 28Nowapakati umvalo pakati kwazo iplanke, wona wodluliswa kwa kwenye incam kude kube kwenye incam. 29Neplanke ezo uya kuzaleka ngegolide, nemisesane yazo uya kuyenza ngegolide ibe zindawo zemivalo: kanjako uya kuyaleka imivalo ngegolide.
30Wauya kupakamisa itabanakele njengesimilo sayo obusiboniswa entabeni.
31Kanjalo uya kulenza ikuselo ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo; liya kwenziwa ngesetyenzwa lencibi yokuluka, linekerubime. 32Wauya kulixo̔ma pezu kwentsika zibe ne zemiti yeshitime, zalekiwe ngegolide; amagwegwe azo oba ngawegolide; zimi pezu kweziseko zesilivere zine. 33Wolixo̔ma ikuselo ezantsi kwamakonxo, uze ungenise kona pakati kwekuselo ityeya yesinqi̔no; elokuselo lonahlukanisela pakati kweyingcwele indawo neyingcwele yezingcwele. 34Wauya kubeka isihlalo sofefe pezu kwetyeya yesinqi̔no, kweyingcwele yezingcwele. 35Itafile woyimisa ibe ngapandle kwekuselo, nekandelare ibe malungana netafile ecaleni letabanakele ngasesuyide; kodwa itafile woyibeka ecaleni lasenode.
36Kanjalo uya kwenzela ucango lwentente ilengalenga, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, isetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala. 37Ilengalenga elo wolenzela intsika zibe ntlanu ngemiti yeshitime, uzaleke ngegolide; amagwegwe azo oba ngawegolide; wauya kuzityityishela iziseko zexina zibe zihlanu.
Currently Selected:
I‐Kesodusi 26: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: