Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 11:24-27
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 11:24-27 XHO1902A
Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebekulile, wala ukubizwa ngonyana wentombi ka‐Faro; eqasha ngakumbi ukupatwa kakubi kunye nabantu BAKATIXO, ngapezu kwokuba nobuyolo besono obuhlala mzuzu kodwa; ebala isitukelwa sika‐Kristu ukuba sibubutyebi obukulu kwindyebo zase‐Jipete: ngokuba ebekangela ngakuwo umvuzo. Ngalo ukolo wayishiya i‐Jipete, engoyikanga nje umsindo wokumkani; ngokuba wazingisayo, njengokuba ebona lowo ungabonekiyo.