Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 11
11
1KEKALOKU ukolo lusisiqiniso sezinto ezitenjwayo, lusisiboniso sendawo ezingabonwayo. 2Ngokuba kulo olu abadala bebenqi̔nelwe kakuhle.
3Ngalo ukolo siyaqonda ukuba kudaliwe amazwe akoyo ngelizwi likatixo, zide zati izinto ezibonwayo azavela kwizinto ezibonakalayo.
4Ngalo ukolo u‐Abele walinikela kutixo idini elikulu ngakumbi ngapezu kwo‐Kayine, ekungalo wanqi̔nelwa ukuba ulungile, utixo eyinqi̔nela nje iminikelo yake: kanjako kwa ngalo, nakuba efile, usateta.
5Ngalo ukolo u‐Enoki wasuswa ukuba angakuboni ukufa; waza akwafunyanwa, ngenxa yokuba utixo ebemsusile; ngokuba engekasuswa ebenqi̔nelwa ukuba ukolisile utixo. 6Kodwa ngapandle kwokolo akwenzeki ukumkolisa: ngokuba lowo usondelayo kutixo efanele ukukolwa kukuba uko, nokuba uba ngumvuzi wabo bamfunayo.
7Ngalo ukolo u‐Nowa, akuyalwa ngutixo ngezinto ezingekabonwayo, wati ngokwoyika walungisela ukusindiswa kwendlu yake inqanawa; abete ngayo wagweba ilizwe, waza waba yindlalifa yobulungisa obungokwokolo.
8Ngalo ukolo wapulapula u‐Abrahame, akubizwa ukuba apume aye kulondawo ubeya kuda ayamkele ibe lilifa; wapuma ke, engazi kakulu apo aya kona. 9Ngalo ukolo wapambukela ezweni ledinga, njengakwelabasemzini, emi ezintenteni ndawonye no‐Yisake no‐Yakobi, abebezindlalifa kunye naye zedinga elikwa lilo lona: 10ngokuba ebekangela esosixeko sinemisekelo, esimaki nome?-?enzi ngutixo.
11Ngalo ukolo kwa naye u‐Sara wamkela amandla okukaula, waza wazala seligqitile nje ixesha elifanelekileyo lobudala, ekubeni waba unyanisekile lowo owabeka idinga. 12Ngako oko kwavela kwa kuyo indoda nye, ebifile ke nakanjako, abanjengenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle engenakubalwa.
13Aba bonke bafa beselukolweni, bengakwamkelanga nje ukufezwa kwamadinga, koko bawabonayo ekude, bakolwa ngawo, bawabulisa, baxela ukuba bangabasemzini nabaṙanukeli emhlabeni. 14Ngokuba abo bateta into ezinjalo, bebonakalisa ekuhleni ukuba bayalifuna ilizwe lakowabo. 15Kanti ukuba ke bebekumbula elo bapuma kulo, ngebeba bezuzile ituba lokubuya. 16Kaloku kodwa bayalinqwenela elilungileyo ngakumbi, oko kukuti, elasezulwini. Ngako oko utixo akanantloni ngabo ukuba abizwe ngotixo wabo: ngokuba ebalungisele isixeko.
17Ngalo ukolo ute u‐Abrahame ekulingweni kwake wamnikela u‐Yisake, waza lowo ubezamkelele amadinga wamnikela okupela kwonyana wake, 18obekutshiwo ngaye ukuti: Ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako; 19etelekelelisa ukuba utixo unamandla okumvusa nakwabafileyo, owayete kanjalo ngomfanekiselo wabuya wamamkela kwa kona.
20Ngalo ukolo u‐Yisake watamsanqela u‐Yakobi no‐Esau ngezinto eziza kuza.
21Ngalo ukolo u‐Yakobi ekufeni kwake watamsanqela onyana baka‐Josefe bobabini; waza wazitoba pezu kwencam yomsimelelo wake.
22Ngalo ukolo u‐Josefe akuza kufa wakankanya ukupuma kwosapo luka‐Sirayeli, wayalela ngamatambo ake.
23Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebezelwe, wafihlwa ngoyise inyanga zantatu, ngenxa yokuba babona umntwana ukuba umhle; aboyika ummiso wokumkani kanjalo.
24Ngalo ukolo u‐Mosesi, akuba ebekulile, wala ukubizwa ngonyana wentombi ka‐Faro; 25eqasha ngakumbi ukupatwa kakubi kunye nabantu bakatixo, ngapezu kwokuba nobuyolo besono obuhlala mzuzu kodwa; 26ebala isitukelwa sika‐Kristu ukuba sibubutyebi obukulu kwindyebo zase‐Jipete: ngokuba ebekangela ngakuwo umvuzo. 27Ngalo ukolo wayishiya i‐Jipete, engoyikanga nje umsindo wokumkani; ngokuba wazingisayo, njengokuba ebona lowo ungabonekiyo. 28Ngalo ukolo wayenza ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo ubetshabalalisa amazibulo angabacu̔kumisi.
29Ngalo ukolo bacanda ulwandle olubomvu njengokuba kudlulwa emhlabeni owomileyo; ati ama‐Jipete akulinga ukwenje njalo antywiliswa.
30Ngalo ukolo indonga ze‐Jeriko zawa, zakuba zibe zingqongiwe imini zasixe̔nxe.
31Ngalo ukolo u‐Rakabi umpinyiswa akabuba kunye nabo babengakolwanga, akuba ebezamkele intlola ngoxolo.
32Ndize ndalekele ukuti nina ke? Ngokuba ixesha liya kundiswelela ukuba ndiyabalisa ngaye u‐Gideyone, no‐Baraki no‐Samsone, no‐Jefeta, no‐Davide, no‐Samyali, nabaprofite: 33abati ngalo ukolo boyisa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza ukufezwa kwamadinga, bavingca imilomo yengonyama, 34bacima amandla omlilo, basinda uhlangoti lweṙele, bomelezeka bepuma ebutatakeni, baba buṙoti ekulweni, baci̔ta imikosi yabasemzini. 35Abafazi babuya bamkela abafi babo ngokuvuka kwabo. Bati ke abanye bolulelwa ukubulawa, bekwalile nje ukukululwa, ukuze bazuze ukuvuka okulungileyo ngakumbi: 36bati nabanye beva ukuhlekwa nokubetwa, napezu kwoko ukunxitywa nokufakwa entolongweni; 37bagityiselwa ngamatye, basikwa kubini ngesaṙa, bazingwa, bafa ngokubulawa liṙele; bahambahamba benezintsu zegusha, benezintsu zebokwe, besekusweleni, bebandezelwa, bepatwa kakubi; 38(elalibe ilizwe lingabafanele;) bedungudela ezintlango, nasezintabeni, nasemiqolombeni, naseminxunyeni yomhlaba.
39Kekaloku aba bonke, benqi̔nelwe kakuhle nje ngalo ukolo, abakwamkela obekubekiwe ngedinga; 40utixo esazalelele tina into elungileyo ngakumbi nje, ukuze bona bangafezekiswa ngapandle kwetu.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: