U‐Hosheha 5
5
1YIVANI oku, baperisite! nipulapule, ndlu ka‐Sirayeli! bekani indlebe nani, ndlu yokumkani! ngokuba umgwebo ungakuni, ngenxa yokuba beningumgibe e‐Mitsipa, notambo olwanekiweyo pezu kwe‐Tabore. 2Abapambuki bandisile ukubinga, kodwa ndoba ngumohlwayi kubo bona bonke. 3U‐Frayime ndiyamazi, no‐Sirayeli akandifihlelwanga; ngokuba kaloku, Frayime! uwenza umbulo, u‐Sirayeli unco̔lisekile. 4Ababekisi izenzo zabo ukuba babuyele kutixo wabo; ngokuba umoya wemibulo upakati kwabo, noyehova abamazanga. 5Ir̔atshi lika‐Sirayeli liyanqi̔na ngasebusweni bake; ngako u‐Sirayeli no‐Frayime bowa ngenkohlakalo yabo; no‐Juda uya kuwa kunye nabo. 6Kunye nezimvu zabo, nakunye nenkomo zabo, boya ukumfuna uyehova: kodwa abayi kumfumana: usukile kubo. 7Benzile ngobuxoki ngakuye uyehova; ngokuba bezele abantwana basemzini: kaloku inyanga nye yodla bona nezabiwo zabo.
8Vutelani ngopondo e‐Gibeha nangexilongo e‐Rama; memezani e‐Betavene: emva kwako, Benjamine! 9I‐Frayime yoba yingci̔takalo emhleni wokwohlwaywa; pakati kwezizwe zo‐Sirayeli ndikwazisile oko kuqinileyo. 10Inkosi zakwa‐Juda ziyafana nabo abashenxisa umda; ndogalela pezu kwazo umsindo wam njengamanzi. 11U‐Frayime ubandezelwe, uncinezelwe ekugwetyweni; ngokuba wavumayo, walandela ingxelo. 12Ngako mna ndoba njengenundu ku‐Frayime, nanjengokubola kwindlu ka‐Juda. 13Wada u‐Frayime wabona isifo sake, no‐Juda inxeba lake; wandula waya u‐Frayime e‐Asiriya; watuma kuye ukumkani opikayo; kodwa yena wakohlwa ukunipilisa, akanipolisela inxeba lenu. 14Ngokuba ndiya kuba njengengonyama ku‐Frayime, nanjengengonyama entsha kwindlu ka‐Juda; mna, mna ndiya kuqwenga, ndimke ke; ndosusa, kungeko oya kuhlangula.
15Ndiya kumka, ndiya kubuyela endaweni yam, bade balivume ityala labo, bafune ubuso bam: nxa basebunzimeni, bondifuna ngokuku̔teleyo.
Currently Selected:
U‐Hosheha 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: