U‐Yisaya 15
15
1UMGWEBO nge‐Mowabi.
Ngenyaniso ngobusuku bokucitakaliswa, i‐Hari yase‐Mowabi ibujisiwe; ngenyaniso ngobusuku bokucitakaliswa, i‐Kire yase‐Mowabi ibujisiwe. 2Benyukele etempileni, nase‐Dibone, ezindaweni ezipakamileyo, ukuya kulila; pezu kwe‐Nebo napezu kwe‐Medeba o‐Mowabi bayenza isijwili: kuzo zonke intloko zabo kuko ubunqai; zonke indevu zinqunyulwe. 3Ezitarateni zabo babinqile ngentlakantlaka; pezu kwezindlu zabo, nasezindaweni ezibanzi zabo, bayenza isijwili bonke, besihla belila. 4I‐Heshebone iyakala, kwa ne‐Elehale; kude kwase‐Yahetsa liviwe ilizwi labo; ngako oko abaxo̔bileyo bakwa‐Mowabi bayadanduluka: umpefumlo wake uyatutumela pakati kwake. 5Intliziyo yam iyakala ngenxa ye‐Mowabi; abasabi bayo bayasabela e‐Tsohare, njengetokazi eliminyaka mitatu; ngokuba benyuka ngeqina lase‐Luhiti, belila; ngokuba endleleni yase‐Horonayime bevusa isikalo sentshabalalo. 6Ngokuba amanzi ase‐Nimra eyingcitakalo; ngokuba inca ibunile, utyani bupelile, uhlaza lungaseko. 7Ngako oko ubuninzi babuqwebileyo, nembekelo yabo, bobututela pesheya kwomlanjana weminculuba. 8Ngokuba isikalo sizungulezela imida yase‐Mowabi; kude kube se‐Egelayime ukulila kwayo, ewe, kude kube se‐Bere‐elime ukulila kwayo. 9Nangona amanzi ase‐Dimone azele ligazi, ndiya kupinda noko ukubeka pezu kwe‐Dimone ingozi; ndiya kuzisa pezu kwabasindileyo base‐Mowabi ingonyama, kwa pezu kwabaseleyo elizweni.
Currently Selected:
U‐Yisaya 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: