U‐Yisaya 2
2
1ILIZWI owalibonayo u‐Yisaya, unyana ka‐Amotse, ngo‐Juda ne‐Yerusaleme.
2Kwakuya kuti emihleni yokupela, intaba yendlu kayehova yoqiniselwa engcopo yentaba, ipakanyiselwe pezu kwenduli, ziti zonke intlanga zele kuyo. 3Ewe, zohamba izizwe ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni kayehova, endlwini yotixo ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi likayehova e‐Yerusaleme. 4Waeya kugweba pakati kwentlanga, azohlwaye izizwe ezininzi; zide zikande iziṙele zazo zibe ngamakuba, nezikali zazo zibe ngamaṙenqa: olunye uhlanga aluyi kupakamisa isiṙele ngakwolunye uhlanga; kanjalo azisayi kuba safunda ukulwa.
5Nina ndlu ka‐Yakobi! yizani, masihambe ekukanyeni kukayehova.
6Kanti ubalahlile abantu bako, indlu ka‐Yakobi, ngokuba bezele kokwasempumalanga; bayenza ngobugqi njengama‐Filistiya, bayabambana izandla nonyana babasemzini. 7Kanjalo ilizwe labo lizele yisilivere negolide, kungeko ukupela kwendyebo zabo; ewe, ilizwe labo lizele ngamahashe, kungeko ukupela kwenqwelo zabo. 8Ilizwe labo lizele nangamadalo; bayatoba pantsi kuwo umsebenzi wezandla zabo, kuko oko ikwenzileyo eyabo iminwe. 9Umntu omnyama uyatotyiswa, nendoda enkulu iyatotyelwa pantsi; kanti akusayi kubaxolela.
10Ngena eweni, uzifihlele elutulini, ngenxa yesoyikeko sikayehova, nangenxa yobungcwalisa bobungangamsha bake. 11Amehlo aqanqalazayo abantu aya kutotyelwa pantsi, nokuzidla kwamadoda kuya kutotywa; nguyehova yedwa oya kubekwa pezulu ngomhla lowo. 12Ngokuba kuko umhla kayehova wemikosi, ngakuko konke okuner̔atshi nokuzidlayo, nangakuko konke okupakamileyo, okuya kutotyelwa pantsi: 13nangakuzo zonke isedare zase‐Lebanone, ezinde ezipakamileyo, nangakuzo zonke iyeke zase‐Bashane; 14nangakuzo zonke intaba ezinde, nangakuzo zonke induli ezipakamileyo; 15nangakuzo zonke inqaba ezinde, nangakuzo zonke indonga ezinqatyisiweyo; 16nangakuzo zonke inqanawa zase‐Tareshishe, nangakuzo zonke izinto ezikubonakala kunqwenelekile. 17Kwakuya kutotywa ukuqanqalaza kwabantu, kutotyelwe pantsi nokuzidla kwamadoda; nguyehova yedwa oya kubekwa pezulu ngomhla lowo. 18Kanjalo amadalo ogqibela ukuti tshabalala. 19Babeya kungena emiqolombeni yamawa, naseminxunyeni yomhlaba, ngenxa yesoyikeko sikayehova, nangenxa yobungcwalisa bobungangamsha bake, ekuvukeni kwake ukungcangcazelisa umhlaba. 20Ngomhla lowo abantu baya kuposa amadalo abo esilivere, namadalo abo egolide, abazenzele wona ukuba bawabedeshe, ezintukwini nasezilulwaneni; 21bakungena emifanteni yamatyekazi, nasemaṙotyeni amawa, ngenxa yesoyikeko sikayehova, nangenxa yobungcwalisa bobungamgamsha bake, ekuvukeni kwake ukungcangcazelisa umhlaba.
22Ncamani umntu, omoya usempumlweni yake; ngokuba eya kubalwa ngokuba yinto nina yena?
Currently Selected:
U‐Yisaya 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: