U‐Yisaya 38
38
1NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa. Wandula weza kuye u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, wati kuye: Utsho uyehova ukuti: Yolela indlu yako; ngokuba uya kububa wena, akuyi kupila. 2Waza u‐Hezekiya wasonga ubuso bake ngaseludongeni, watandaza kuyehova, 3wati: Ke, Yehova! uze ukumbulele okokuba ndihambile ebusweni bako ngenyaniso nangentliziyo ekolisekileyo, nokuba ndikwenzile okulungileyo emehlweni ako. Waza u‐Hezekiya walila ngokulila okukulu.
4Landula leza ilizwi likayehova ku‐Yisaya, lisiti: 5Hamba, uti ku‐Hezekiya: Utsho uyehova, utixo ka‐Davide uyihlo wako, ukuti: Ndivile umtandazo wako, ndibonile inyembezi zako; bona ke, ndiya kwongeza emihleni yako iminyaka ilishumi linesihlanu; 6ndandiya kusindisa wena, nesixeko esi, esandleni sokumkani we‐Asiriya; ndosikusela esisixeko kanjalo. 7Oku kwoba ngumqondiso kuwe uvela kuyehova, wokuba uyehova uya kwenza lento ayitetileyo: 8bona ke, ndiya kubuyisa ngomva isitunzi sezinyuko, esihlileyo pezu kwelitye lokuxela ixesha lika‐Ahazi, ngelanga, sibuye izinyuko ezilishumi. Laza labuya ilanga izinyuko ezilishumi, ngezinyuko elibe lihlile ngazo.
9Ukuba̔la kuka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, akuba ebesifa, waza wapila esifeni sake:
10Ndati: Ekuhlanganeni kwemihla yam ndiya kungena emasangweni ehadesi; ndihlutiwe isisalela seminyaka yam. 11Ndati: Andisayi kubona uyehova, uyehova emhlabeni wabahleliyo; andisayi kukangela abantu kanjako, pakati kwabemi belizwe elikoyo. 12Intlalo yam inyotulwe, ifudusiwe kum, njengentente yomalusi; ndibufinyelisile, njengomluki, ubomi bam; uyanditsheca ezintsingeni; kwa semini kude kube sebusuku uyandigqiba wena. 13Ndazitutuzela kwada kwasa; njengengo nyama, kwa njalo uyawapula onke amatambo am; kwa semini kude kube sebusuku uyandigqiba wena. 14Njengenkonjane nanjengendwe ndiyalila njalo: ndiyancwina njengehobe; amehlo am ayapela ngokubeka ngapezulu: Yehova! ndisekubandezelweni; yiba ngumbambiseli wam.
15Ndiya kuti nina? njengokuba etshilo kum, wenje njalo yena: ndohamba kakuhle yonke iminyaka yam, ngenxa yobuṙaṙa bompefumlo wam. 16Nkosi! ngezizinto bapila abantu; nangezizinto zonke kuko ubomi bomoya wam; ngokuba undicacisile, wandenzela ukupila. 17Bona ke, buguqulwe ubuṙaṙa bam obukulu baba luxolo; wautandile umpefumlo wam, wandikulula emnxunyeni wokubola: ngokuba zonke izono zam uziposile emva kwomhlana wako. 18Ngenyaniso ihadesi ayingekudumise; ukufa akungekubonge; abo bahleleyo esihogweni abangetembele inyaniso yako. 19Opilileyo, opilileyo, nguye oya kukudumisa, njengokuba ndisenje njalo mna namhla nje: uyise uya kubazisa abantwana inyaniso yako. 20Uyehova womana ukundisindisa; ngako siya kubeta iziculiso zam ezinentambo, yonke imihla yokudla kwetu ubomi, endlwini kayehova.
21Kekaloku wabete u‐Yisaya: Mabatabate isimba lamakiwane, balibeke pezu kwetumba, waeya kupila. 22Wabete no‐Hezekiya: Umqondiso uyinto nina wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kayehova?
Currently Selected:
U‐Yisaya 38: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: