U‐Yisaya 5
5
1SENDIYA kuvuma ke kumtandwa wam iculo lesitandwa sam ngesitiya sake: Umtandwa wam wabenesitiya enkalweni etyebileyo. 2Wasingongxa wagabula amatye aso, wasityala ngemiti yeveyine edumileyo; waka inqaba pakati kwaso, wembela isincinezelo seveyine kuso kanjalo: waza wakangela ukuba sivelise idreyive, koko savelisa idreyive ezimbi. 3Nakaloku, bemi base‐Yerusaleme namadoda akwa‐Juda! zenigwebe pakati kwam nesitiya sam. 4Ngekuba kusenziwa nto nina ngakumbi esitiyeni sam, endingayenzanga kuso? Yinina ke lento, ndakukangela ukuba sivelise idreyive, savelisa idreyive ezimbi? 5Ngako kaloku, sendiya kunazisa oko ndiya kukwenza esitiyeni sam: ndiya kususa utango lwaso, soba lidlelo ke; ndiya kucita udonga lwaso, soba yindawo yokubuqwa ke. 6Ndandiya kusenza intshabalalo; asiyi kunqunyulelwa, asiyi kuhlakulwa kanjako; kodwa imbobo nemitolo ziya kuhluma kuso; ndandiya kuyalela amafu ukuba anganisi imvula pezu kwaso. 7Ngokuba isitiya sikayehova wemikosi siyindlu ka‐Sirayeli, namadoda akwa‐Juda esisityalwa soyolo lwake: wakangela ubugwebo, kanti nanku ukupalala kwegazi! wakangela ubulungisa, kanti nanku ukukala!
8Kwoba nzima kubo abahlanganisa indlu nendlu, ababandakanyisa intsimi nentsimi, kude kungabiko indawo, nize nihlaliswe nedwa nina pakati kwelizwe! 9Ezindlebeni zam uyehova wemikosi utyilile ukuti: Ngenyaniso izindlu ezininzi zoba zé, ezo zinkulu nezintle zoba zingenabemi. 10Ngokuba ishumi lendima zesitiya ziya kuvelisa ibate inye, nehomere yembewu iya kuvelisa iyefa.
11Kwoba nzima kubo abavuka kusasa, bakaulezele uselo olunamandla; abalibala nxa kuse kuhlwile, ide iveyine ibatshise! 12Kuko uhadi nenebele, intambula nomlozi, neveyine, ezidlweni zabo; kanti ukwenza kukayehova abakugqali, nomsebenzi wezandla zake abawuboni. 13Ngako oko abantu bam bayatinjwa, bengenakwazi nje; imiduna yabo inokulamba, nesihlwele sabo sitshile linxanwa. 14Ngako oko ihadesi iyandisa inkanuko yayo, nomlomo wayo iyawakamisa ngento engenakulinganiswa; kwandule ukuhla amanene abo, nesihlwele sabo, nembutumbutu yabo, nalowo ugcobayo pakati kwabo. 15Umntu omnyama wototyiswa, nendoda enkulu yototyelwa pantsi; namehlo abaqanqalazayo ototyelwa pantsi ke. 16Kodwa uyehova wemikosi uya kupakanyiswa ngobugwebo, notixo oyingcwele uya kungcwaliswa ngobulungisa. 17Imvana ziya kudla apo ziqu̔tyelwa kona, nendawo ezicitakeleyo zabatyebileyo imihlambi yasemzini yozigqiba.
18Kwoba nzima kubo abar̔olayo inkohlakalo ngentambo zokungendawo, nesono njengokungati kungomqokozo wenqwelo! 19Abati: Makanxame ke, makakaulezise umsebenzi wake, ukuze siwubone; malisondele icebo loyingcwele ka‐Sirayeli, lize nokuza, ukuba silazi! 20Kwoba nzima kubo abati ngokukohlakeleyo kulungile, nangokulungileyo kukohlakele; ababeka ubumnyama endaweni yokukanya, nokukanya endaweni yobumnyama; ababeka ubuṙaṙa endaweni yobumnandi, nobumnandi endaweni yobuṙaṙa! 21Kwoba nzima kubo abalumkileyo kwawabo amehlo, nabanokuqonda kokwabo ukubona! 22Kwoba nzima kubo abanobuṙoti ukuba basele iveyine, nabangamadoda okwomelela ukuba bapitikeze uselo olunamandla: 23abagwebela onetyala ngenxa yebaso, nokulunga kwabalungileyo bakuhlute kubo! 24Ngako oko, njengokuba ilangatye lomlilo lisidla indiza, nesikota esitshayo sisiwa pantsi; kwa njalo ingcambo yabo yoba njengembozo, nentyatyambo yabo yonyuka njengotuli: ngokuba belahlile umteto kayehova wemikosi, nelizwi loyingcwele ka‐Sirayeli belidelile. 25Ngenxa yoku iyavuta ingqumbo kayehova ngakubo abantu bake, nesandla sake usolulele pezu kwabo, wababeta; zada zangcangcazela intaba, nezidumbu zabo zaba njengenkunkuma pakati kwezitarate. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
26Ngokuba eya kupakamisela izizwe ezikude ibanile, azilozele zivele ekupeleni kwomhlaba; bona ke, ziya kuza ngokunxama nangokukauleza. 27Akuyi kubako odiniweyo, akuyi kubako noku̔bekayo pakati kwabo; abayi kwozela, abayi kulala butongo; umbinqo wezinqe zabo awuyi kutukululwa, neṙwintsela lezihlangu zabo aliyi kuqaulwa: 28abantolo zibukali, nazo zonke izipeta zabo zityediwe; impupu zamahashe abo zobalwa ngokuba njengelitye elilukuni, nengqengqeleko zabo ngokuba njengesaqwiti. 29Ukukonya kwabo kwoba njengokwengonyamakazi; baya kukonya njengengonyama ezintsha; ewe, bovungama, babambe into yokuqwengwa; bobaleka nayo inqabile, kungeko oyihlangulayo. 30Babeya kugquma ngakubo ngomhla lowo njengokugquma kwolwandle; kude kuti kwakukangelwa ngasemhlabeni, nabo ubumnyama obunzima, nokukanya kwenziwe mnyama ngamafu awo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: